-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Isaías 10:11|
andiyi kuthi na, njengoko ndenza ngako kowakwaSamari nezithixo zawo ezingeni, ndenjenjalo kwiYerusalem nezithixo zayo?
-
12
|Isaías 10:12|
Kuya kuthi, xa ithe iNkosi yazifeza izenzo zayo zonke entabeni yaseZiyon naseYerusalem, ndizivelele iziqhamo zobukhulu bentliziyo yokumkani waseAsiriya, nokuqhayisa ngokuqwayinga kwamehlo akhe.
-
13
|Isaías 10:13|
Kuba uthe, Ndenze ngamandla esandla sam nangobulumko bam; ngokuba ndinengqondo, ndayishenxisa imida yezizwe, ndaziphanga iimpahla zazo, ndabahlisa njengenkunzi eyimbalasane abahleli ezitroneni;
-
14
|Isaías 10:14|
isandla sam sabufumana ubutyebi bezizwe njengendlu yentaka, ndalibutha mna lonke ihlabathi, njengokubutha amaqanda; akwabakho nanye ishukumisa iphiko, neyakhamayo, netswinayo.
-
15
|Isaías 10:15|
Izembe lingamqhayisela na ogawula ngalo? isarha ingazikhulisa na ngaphezu koyitsalayo? ngathi intonga ingabajingisa abaphakamisi bayo, ngathi uswazi lungamphakamisa ongenguwo umthi!
-
16
|Isaías 10:16|
Ngako oko iNkosi, iNkosi yemikhosi, iya kubathumela ukungcumbeka kwabatyebileyo bakhe, nangaphantsi kobuqaqawuli baseAsiriya kutshe ukutsha, njengokutsha komlilo.
-
17
|Isaías 10:17|
Ukhanyiso lukaSirayeli luya kuba ngumlilo, oyiNgcwele wakhe abe lilangatye, litshise lidle amakhakakhaka akhe nobobo lwakhe ngamini-nye.
-
18
|Isaías 10:18|
Uya kubuphelisa ubuqaqawuli behlathi lakhe, nobentsimi yakhe echumayo, ethabathela emphefumlweni ase enyameni, kube njengokungcungcutheka komntu ofayo;
-
19
|Isaías 10:19|
abe mbalwa amasalela emithi yehlathi lakhe, ibhalwe nangumntwana.
-
20
|Isaías 10:20|
Kuya kuthi ngaloo mini, angabi saphinda amasalela akwaSirayeli, nabasindileyo bendlu kaYakobi, bayame ngobabethayo; baya kwayama ngoYehova oyiNgcwele kaSirayeli, benyanisile.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7