-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Isaías 12:1|
Uya kuthi wena ngaloo mini, Ndiyabulela kuwe, Yehova, ngokokuba ubundiqumbele, waza wabuya umsindo wakho, wandithuthuzela wena.
-
2
|Isaías 12:2|
Yabona, uThixo ukukusindiswa kwam; ndikholosile, andikwantyi; ngokokuba iqhayiya lam nengoma yam nguYa, nguYehova obuye waba lusindiso kum.
-
3
|Isaías 12:3|
Ngoko ke niya kukha amanzi ninemihlali emithonjeni yosindiso;
-
4
|Isaías 12:4|
nithi ngaloo mini, Bulelani kuYehova, nqulani igama lakhe, zaziseni ezizweni izenzo zakhe, izenzo zakhe ezincamisayo; likhankanyeni igama lakhe ukuba liyingxonde.
-
5
|Isaías 12:5|
Mbetheleni uhadi uYehova; ngokuba enze ngobungangamsha; makwazeke oko ehlabathini lonke.
-
6
|Isaías 12:6|
Tsholoza umemelele, wena mmi waseZiyon; ngokuba mkhulu phakathi kwakho oyiNgcwele kaSirayeli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7