-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Isaías 29:1|
Yeha, Ariyeli, Ariyeli, mzi awamisa intente kuwo uDavide! Yongezelelani umnyaka kumnyaka; mayizunguleze imithendeleko.
-
2
|Isaías 29:2|
Ndiya kuyicutha ke iAriyeli, kubekho ukuncwina noncwino, ibe njengeAriyeli ke leyo kum.
-
3
|Isaías 29:3|
Ndiya kukurhawula, ndikungqinge ngenqaba, ndikumisele iintango zokukungqinga;
-
4
|Isaías 29:4|
uya kugungxulelwa phantsi, uthethe usemhlabeni, ukuthetha kwakho kudambe, kuvela eluthulini; izwi lakho liphume emhlabeni njengeloneshologu, ukuthetha kwakho kudumzele eluthulini.
-
5
|Isaías 29:5|
Ingxokolo yabakungenelayo iya kuba njengothuli olucolekileyo, ingxokolo yabakungcangcazelisayo ibe njengomququ ophephukayo; ibekho le nto ngephanyazo nangesiquphe.
-
6
|Isaías 29:6|
Kuphuma kuYehova wemikhosi ukuvelelwa kwayo ngeendudumo nangonyikimo lwehlabathi, nesandi esikhulu; ngesaqhwithi nomoya ovuthuzayo, nokulenya komlilo otshisayo.
-
7
|Isaías 29:7|
Yoba njengephupha, njengombono wasebusuku, ingxokolo yeentlanga zonke eziyiphumela umkhosi iAriyeli; zonke eziyiphumela umkhosi, yona nemboniselo yayo, eziyicuthayo.
-
8
|Isaías 29:8|
Koba njengokuthi olambileyo aphuphe, abone esidla, avuke ulambatha umphefumlo wakhe; njengokuthi onxaniweyo aphuphe, abone esela, avuke, nanko etyhafile, utshoba umphefumlo wakhe; iya kuba njalo ingxokolo yeentlanga eziyiphumele umkhosi intaba yeZiyon.
-
9
|Isaías 29:9|
Zilazilani ningakhulumi; zimfamekiseni nibe ziimfama. Bayanxila kungengawayini, bayatalasa kungengasiselo sinxilisayo.
-
10
|Isaías 29:10|
Ngokuba uYehova uthulule phezu kwenu umoya wobuthongo obukhulu, wawabopha amehlo enu, abaprofeti; nabaziintloko benu, iimboni zenu, uzigubungele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7