-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Isaías 57:1|
Ilungisa liyatshabalala; akukho mntu ke ukunyamekelayo oko ngentliziyo; amadoda anobubele ayemka, akukho mntu ke uqondayo ukuba ilungisa limka phambi kokuba kubekho ububi.
-
2
|Isaías 57:2|
Lingena eluxolweni; baphumla ezililini zabo ababehambe ngokuthe gca.
-
3
|Isaías 57:3|
Ke nina, sondelani apha, nyana betolakazi, mbewu yomkrexezi neyehenyukazi.
-
4
|Isaías 57:4|
Nivuyelela bani na? Nisinekela bani na, ningÂ’ongÂ’oza nje? Aningabantwana bokreqo, imbewu yobuxoki, yini na,
-
5
|Isaías 57:5|
nina bazitshisekisayo emiterebhintini, phantsi kwemithi yonke eluhlaza; nina babasikayo abantwana ezihlanjeni phantsi kwemiqhokro yeengxondorha?
-
6
|Isaías 57:6|
Isahlulo sakho saba sematyeni agudileyo esihlambo; wona aba ngamaqashiso akho; kananjalo wawathululela amadini athululwayo, wenyusa iminikelo yokudla kuwo. Mandizithuthuzele na ngezo zinto?
-
7
|Isaías 57:7|
Entabeni ephakamileyo ende wabeka isilili sakho, wenyuka waya kubingelela imibingelelo nalapho.
-
8
|Isaías 57:8|
Isikhumbuzo sakho wasibeka emva kocango nomgubasi; ngokuba wathi ungekum wazityhila, wenyuka, wasenza sabanzi isilili sakho, wanqophisana nabo, wathanda kulala nabo, wandlala ukhuko.
-
9
|Isaías 57:9|
Wahambela kukumkani uneoli, wanyhikiza iziqholo zakho, wazithuma kude izigidimi zakho, wazithoba kwada kwaba kwelabafileyo.
-
10
|Isaías 57:10|
Wadinwa ngokuba nde kwendlela yakho; akwathi, Ndincamile; wawafumana ebuya ephila amandla akho ngenxa yoko akuthanga fehlefehle.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7