-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Isaías 34:1|
Sondelani, zintlanga, nive; nibaze iindlebe, zizwe; malive ihlabathi nenzaliseko yalo; elimiweyo, neziveliso zonke eziveliswa lilo.
-
2
|Isaías 34:2|
Ngokuba uburhalarhume bukaYehova buphezu kweentlanga zonke, nobushushu bakhe buphezu komkhosi wazo wonke; uzisingele phantsi, uzinikele ekusikweni.
-
3
|Isaías 34:3|
Baya kulahlwa ababuleweyo bazo, nezidumbu zabo kunyuke ukunuka kwazo, kunyibilike iintaba ligazi lazo.
-
4
|Isaías 34:4|
Uya kuvunda wonke umkhosi wezulu, lisongwe izulu njengencwadi, wonke umkhosi walo ubune njengokubuna kwegqabi emdiliyeni, njengokubuna kwegqabi emkhiwaneni.
-
5
|Isaías 34:5|
Ngokuba lisele lahlutha ezulwini ikrele lam; yabona, lihla phezu koEdom, naphezu kwabantu endibasingele phantsi, ibe ngumgwebo.
-
6
|Isaías 34:6|
Ikrele likaYehova lizele ligazi, lityetyiswe ngamanqatha, ligazi leemvana neleebhokhwe, ngamanqatha ezintso zeenkunzi zeegusha; ngokuba uYehova unombingelelo eBhotsera, nokuxhela okukhulu ezweni lakwaEdom.
-
7
|Isaías 34:7|
Kuya kuhla inqu kunye nazo, iinkunzi ezintsha kunye neenkabi, lisele lihluthe ilizwe labo ligazi, lutyetyiswe uthuli lwabo ngamanqatha.
-
8
|Isaías 34:8|
Kuba uYehova unomhla wempindezelo, unomnyaka wembuyekezo, wokuthethelela iZiyon.
-
9
|Isaías 34:9|
Yoguquka imilambo yabo ibe yitela, uthuli lwabo lube yisulfure, ilizwe labo libe yitela etshayo.
-
10
|Isaías 34:10|
Aliyi kucinywa ubusuku nemini; umsi walo uya kunyuka ngonaphakade; liya kuchithakala kwisizukulwana ngesizukulwana; liya kuhlala lihleli lodwa, kungabikho ucanda kulo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7