-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Isaías 34:11|
Loba lilifa lengcwangube nokhwalimanzi, kuhlale kulo ifubesi nehlungulu, olule phezu kwalo ulutya lokulinganisa lwakwanyanyeni, nelothe yokulungelelanisa yakwalubala.
-
12
|Isaías 34:12|
Abanumzana balo—akuyi kuba sabakho babiza bukumkani kubo, bonke abathetheli balo babe yinto engekhoyo.
-
13
|Isaías 34:13|
Iingxande zalo ezinde ziya kumila into enameva, amarhawu namakhakakhaka ezinqabeni zalo ezinkulu, libe sisikhundla seempungutye nedlelo leenciniba.
-
14
|Isaías 34:14|
Kohlangabezana amarhamncwa omqwebedu neempungutye, into elixhonti ikhawulelane nowayo; ewe, into yasebusuku iya konwaba khona, izifumanele ukuphumla.
-
15
|Isaías 34:15|
Kulapho iya kwenzela khona indlu inyoka ejubayo, izale amaqanda, ifukame emthunzini khona; ewe, khona apho baya kubutha oontloyiya, elowo nowabo.
-
16
|Isaías 34:16|
Funani encwadini kaYehova, nilese. Akukho nanye kuzo ezo zinto iya kusala, eya kusilela kuwayo; ngokuba ngumlomo wam oziwisele umthetho, ngumoya wawo ozibuthileyo.
-
17
|Isaías 34:17|
Nguye ozirholele iqashiso, isandla sakhe sazabela lona ngolutya lokulinganisa; ziya kulidla ilifa kudekuse ephakadeni, zihlale kulo kwisizukulwana ngesizukulwana.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3