-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Isaías 38:1|
Ngaloo mihla wayesifa UHezekiya, eza kufa. Waya umprofeti kuye, uIsaya unyana ka-Amotsi; wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yolela indlu yakho, ngokuba uya kufa wena, akuyi kuphila.
-
2
|Isaías 38:2|
UHezekiya wabubhekisa eludongeni ubuso bakhe, wathandaza kuYehova, wathi,
-
3
|Isaías 38:3|
Khawukhumbule, ndiyakukhunga, Yehova, okokuba ndihambe phambi kwakho ngokunyaniseka nangentliziyo ephelelisileyo, ndakwenza okulungileyo emehlweni akho. Watsho uHezekiya isililo esikhulu.
-
4
|Isaías 38:4|
Kwafika ilizwi likaYehova kuIsaya, lisithi,
-
5
|Isaías 38:5|
Yiya uthi kuHezekiya, Utsho uYehova, uThixo kaDavide uyihlo, ukuthi, Ndiwuvile umthandazo wakho, ndizibonile iinyembezi zakho. Uyabona, ndiya kongezelela kwimihla yakho ishumi elinesihlanu leminyaka.
-
6
|Isaías 38:6|
Ndiya kukuhlangula wena nalo mzi esandleni sokumkani waseAsiriya, ndiwukhusele lo mzi.
-
7
|Isaías 38:7|
Nangu ke umqondiso kuwe, uphuma kuYehova, ukuba uya kulenza uYehova elo lizwi alithethileyo.
-
8
|Isaías 38:8|
Uyabona, ndiyasibuyisa isithunzi sezinyuko, esehlayo esinyukweni sika-Ahazi ngelanga, ndisibuyisa umva izinyuko ezilishumi. Labuya ke ilanga izinyuko ezilishumi ezinyukweni elibe lihlile ngazo.
-
9
|Isaías 38:9|
Umbhalo kaHezekiya ukumkani wakwaYuda, oko ebesifa, waza waphila:
-
10
|Isaías 38:10|
Ndathi mna, yakubonÂ’ ukuba ithe cwaka imihla yam, mandimke ndiye emasangweni elabafileyo; Ndivelelwe, ndayihluthwa eseleyo iminyaka yam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7