-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Isaías 15:1|
Isihlabo esisingisele kuMowabhi. Kuba ngobusuku iAri yakwaMowabhi ibhuqiwe, yadaka; kuba ngobusuku ibhuqiwe iKire yakwaMowabhi, yathi shwaka.
-
2
|Isaías 15:2|
Banyuke baya endlwini naseDibhon, ezigangeni, besiya kulila; phezu kweNebho naphezu kweMedebha uMowabhi uyabhomboloza; zonke iintloko zichetyiwe, zonke iindevu ziguyiwe.
-
3
|Isaías 15:3|
Ezitratweni zakhe babhinqa ezirhwexayo; phezu kwezindlu zakhona, nasezindaweni zeembutho zakhona, bonke bephela bayabhomboloza, besithi ngxa iinyembezi.
-
4
|Isaías 15:4|
Iyakhala iHeshbhon ne-Elale, lide laya kuvakala naseYahazi izwi labo; ngenxa yoko abaxhobileyo bakwaMowabhi benza isijwili, umphefumlo wabo uyajijitheka kubo.
-
5
|Isaías 15:5|
Intliziyo yam iyakhala ngokubona uMowabhi, omivalo ide yesa eTsohare, elithokazi elilizibulokazi; kuba banyuka eqhineni laseLuhiti belila; kuba endleleni yaseHoronayim bakhaliswa kukwaphulwa kwabo;
-
6
|Isaías 15:6|
kuba amanzi aseNimrim athe qoko; kuba bubunile utyani, luphelile uhlaza, awukho umfuno.
-
7
|Isaías 15:7|
Ngenxa yoko intwana ebisele, ababeyenzile, ababeyiqwebile, bayayithwala bayiweze esihlanjeni semingculuba.
-
8
|Isaías 15:8|
Kuba isikhalo siwuzungulezile umda wakwaMowabhi; ukubhomboloza kwakhe kwesa e-Eglayim, kwesa naseBhere-elim ukubhomboloza kwakhe.
-
9
|Isaías 15:9|
Kuba amanzi aseDimon azele ligazi; ngokuba iDimon ndiyimisela ezinye izinto ezimbi; abasindileyo bakwaMowabhi nabaseleyo emhlabeni ndibamisela ingonyama.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7