-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Isaías 35:1|
Inemihlali intlango nomqwebedu; iyagcoba inkqantosi, iyadubula njengomfiyo.
-
2
|Isaías 35:2|
Iyatyatyamba, ithi rhoqo; iyagcoba, ewe, iyagcoba, imemelele, inikwe ubuqaqawuli beLebhanon, ubungangamela beKarmele neSharon; ezo ndawo ziya kububona ubuqaqawuli bukaYehova, ubungangamela boThixo wethu.
-
3
|Isaías 35:3|
Yomelezani izandla eziwileyo, niwaqinise amadolo agexayo.
-
4
|Isaías 35:4|
Yithini kwabantliziyo zingxamayo, Yomelelani, ningoyiki. Yabonani, uThixo wenu uyeza enempindezelo, enembuyekezo kaThixo; uya kuza yena anisindise.
-
5
|Isaías 35:5|
Aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe iindlebe zezithulu;
-
6
|Isaías 35:6|
size sitsibe njengexhama isiqhwala, lumemelele ulwimi lwesidenge; ngokuba kuya kugqobhoka amanzi entlango, nemilambo enkqantosini;
-
7
|Isaías 35:7|
isanga sibe lidike, neendawo ezinxaniweyo zimpompoze amanzi. Esikhundleni sempungutye, apho ibuthuma khona, kuya kuba butyani neengcongolo nemikhanzi.
-
8
|Isaías 35:8|
Kuya kubakho umendo khona, kubekho indlela, kuthiwe ukubizwa kwayo, yindlela engcwele le. Akuyi kudlula nto iyinqambi ngayo; yeyabo yona: abahamba loo ndlela— nabazizihula abayi kulahleka kuyo.
-
9
|Isaías 35:9|
Akuyi kubakho ngonyama khona, aliyi kuqabela khona irhamncwa eliqwengayo; aliyi kufunyanwa khona; kuya kuhamba khona abakhululwe ngokuhlawulelwa;
-
10
|Isaías 35:10|
abakhululwa bakaYehova babuye beze eZiyon bememelela; benovuyo olungunaphakade phezu kweentloko zabo; baya kufumana imihlali nemivuyo, sisabe isingqala nosizi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7