-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Isaías 19:1|
Isihlabo esisingisele kwiYiputa. Bona ke uYehova ekhwele efini elinamendu, uza eYiputa. Ziya kudidizela izithixo ezingento zaseYiputa phambi kwakhe, intliziyo yeYiputa inyibilika phakathi kwayo.
-
2
|Isaías 19:2|
AmaYiputa ndiya kuwaxhokonxela kwa-amaYiputa, alwe elowo nomzalwana wakhe, elowo nommelwane wakhe, umzi nomzi, ubukumkani nobukumkani.
-
3
|Isaías 19:3|
Wothiwa qongqololo umoya wamaYiputa phakathi kwawo; ndiliginye icebo lawo, aquqele kwizithixo ezingento, nakwabadumze layo, nakwabaneshologu, nakoosiyazi;
-
4
|Isaías 19:4|
ndiwavingcele amaYiputa ngesandla senkosi esilukhuni, alawulwe ngukumkani onengcwangu; itsho iNkosi, uYehova wemikhosi.
-
5
|Isaías 19:5|
Aya kuthi qoko amanzi aselwandle, utshe wome umlambo;
-
6
|Isaías 19:6|
zinuke izibhaxa zawo, iwuthe itshe imijelo yoMnayile waseYiputa, zishwabane iingcongolo nemikhanzi.
-
7
|Isaías 19:7|
Iintili ezingakuMnayile, ngasechwebeni loMnayile, nento yonke ehlwayelweyo, iya koma, iphetshethwe ingabikho.
-
8
|Isaías 19:8|
Baya kuncwina ababambisi beentlanzi, bambambazele bonke abaphosa iqherhu eMnayileni, bathi matshamatsha abaneka umnatha phezu kwamanzi.
-
9
|Isaías 19:9|
Baya kudana abasebenzi beflakisi echazwayo, nabaluki belinen emhlophe;
-
10
|Isaías 19:10|
zithiwe vithivithi iintsika zalo, ube buhlungu umphefumlo wabo bonke abasebenzela umvuzo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7