-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Isaías 36:1|
Kwathi ngomnyaka weshumi elinesine wokumkani uHezekiya, kwenyuka uSaneribhe ukumkani waseAsiriya, waya kuyo yonke imizi yakwaYuda enqatyisiweyo, wayithimba.
-
2
|Isaías 36:2|
Ukumkani waseAsiriya wasusa uRabheshake eLakishe, ukuba aye eYerusalem kukumkani uHezekiya, enempi enzima. Wafika wema emjelweni wechibi lasentla, ongasemendweni wentsimi yomsuki weengubo.
-
3
|Isaías 36:3|
Kwaphuma kwaya kuye uEliyakim unyana kaHilekiya, umphathi wendlu, noShebhena umbhali, noYowa unyana ka-Asafu, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu.
-
4
|Isaías 36:4|
Wathi kubo uRabheshake, Khanithi kuHezekiya, Utsho ukumkani omkhulu, ukumkani waseAsiriya, ukuthi, Yeyani na le nkoloseko ukholose ngayo?
-
5
|Isaías 36:5|
Ndithi mna, lilizwi lomlomo wodwa iqhinga lakho nobugorha bakho bemfazwe; okungoku ke ukholose ngabani na, ugwilike kum nje?
-
6
|Isaías 36:6|
Uyabona, ukholose ngaloo msimelelo wengcongolo evikivekileyo, iYiputa, ethi, othe wayama ngayo, ingene esandleni sakhe, imhlabe; unjalo uFaro ukumkani weYiputa kubo bonke abakholose ngaye.
-
7
|Isaías 36:7|
Ke ukuba uthi kum, Sikholose ngoYehova uThixo wethu, ndithi, Asinguye na lo uziganga nezibingelelo azisusileyo uHezekiya, wathi kumaYuda nakwiYerusalem, Ize niqubude phambi kwesi sibingelelo sodwa?
-
8
|Isaías 36:8|
Khawubekelane kaloku nenkosi yam, ukumkani waseAsiriya; ndokunika amawaka amabini amahashe, ukuba unako ngecala lakho ukukhupha abakhweli bokukhwela kuwo.
-
9
|Isaías 36:9|
Wothini na ukubujika ubuso benkosana enye, yakubo abancinane babakhonzi benkosi yam, ukholose ngeYiputa, ngeenqwelo zokulwa nangabamahashe?
-
10
|Isaías 36:10|
Ngokunje ndinyuke ndeza kulonakalisa eli lizwe, ndingenaye uYehova, yini na? UYehova uthe kum, Nyuka uye kweli lizwe, ulonakalise.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7