-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Isaías 13:1|
Isihlabo esisingisele kwiBhabheli, awasibonayo uIsaya, unyana ka-Amotsi.
-
2
|Isaías 13:2|
Nyusani ibhanile phezu kwentaba eluqayi, baphakamiseleni ilizwi; khobani ngesandla, bangene emasangweni amanene.
-
3
|Isaías 13:3|
Mna ndibawisele umthetho abangcwalisiweyo bam, ndiwabizele umsindo wam amagorha am, abadlamkileyo bam abanekratshi.
-
4
|Isaías 13:4|
Yiveni ingxokolo ezintabeni, ngathi yeyabantu abaninzi. Yiveni ingxokolo yezikumkani zeentlanga, zihlanganisene; uYehova wemikhosi uhlanganisa umkhosi wemfazwe.
-
5
|Isaías 13:5|
Bavela ezweni elikude, ekupheleni kwamazulu-nguYehova nezixhobo zengqumbo yakhe, ukuba alonakalise ilizwe lonke.
-
6
|Isaías 13:6|
Bhombolozani, kuba isondele imini kaYehova, ivela ngokwembuqo kuSomandla.
-
7
|Isaías 13:7|
Ngenxa yoko ziwile iingalo zonke, zonke iintliziyo zabantu zinyibilikile.
-
8
|Isaías 13:8|
Bakhwankqile, bafikelwe kukupenapena nayinimba; bayazibhijabhija njengozalayo, bakhwankqiswe ulowo nguwabo; ubuso babo bubuso bamalangatye.
-
9
|Isaías 13:9|
Yabona, imini kaYehova iyeza, inobujorha, iphuphuma umsindo, ishushu, ukuba ilenze libe senkangala ilizwe, ibatshabalalise aboni balo kulo.
-
10
|Isaías 13:10|
Kuba iinkwenkwezi zezulu namakroza alo akayi kukhanyisa kukhanya kwawo; liya kuba mnyama ilanga ekuphumeni kwalo, inyanga ingabi mhlophe ukukhanya kwayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7