-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Isaías 41:1|
Yithini tu phambi kwam, ziqithi; izizwe mazihlaziye amandla; mazize zisondele, zandule zithethe; masiqubisane ematyaleni.
-
2
|Isaías 41:2|
Ngubani na ovuse empumalanga lowo ukhawulelwa bubulungisa ezinyaweni zakhe? Unikela iintlanga phambi kwakhe, unyathela ookumkani, ubanikela ekreleni lakhe njengothuli, esaphetheni sakhe njengomququ ophetshethwayo.
-
3
|Isaías 41:3|
Uyabasukela, udlula enoxolo ngomendo abengawuhambanga ngeenyawo zakhe.
-
4
|Isaías 41:4|
Ngubani na okusebenzileyo wakwenza oko, obiza izizukulwana kwasentloko? Ndim, mna Yehova, ndingowokuqala; nakwabangasemva ndikwanguye.
-
5
|Isaías 41:5|
Iziqithi zabona zoyika, iziphelo zehlabathi zagubha, zasondela, zeza.
-
6
|Isaías 41:6|
Umntu wamnceda ummelwane wakhe, wathi kumzalwana wakhe, Yomelela.
-
7
|Isaías 41:7|
Ingcibi yomeleza umnyibilikisi; ogudisayo ngesando womeleza obetha esikhandelweni, esithi, Kulungile; wasiqinisa ngezikhonkwane, ukuba singashukumi isithixo.
-
8
|Isaías 41:8|
Ke wena Sirayeli, mkhonzi wam Yakobi, wena ndakunyulayo, mbewu ka-Abraham umthandi wam;
-
9
|Isaías 41:9|
endakubambayo kwaseziphelweni zehlabathi, endakubizayo kwasemacaleni alo; endathi kuwe, Ungumkhonzi wam wena, ndikunyule, andikucekisile;
-
10
|Isaías 41:10|
musa ukoyika, kuba ndinawe mna; musa ukubhekabheka, kuba ndinguThixo wakho; ndikukhaliphisile, ewe, ndikuncedile, ndikuxhasile ngesandla sam sokunene sobulungisa bam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7