-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Isaías 41:11|
Yabona, baya kudana bahlazeke bonke abavutha umsindo ngawe; aya kuba yinto engento, adake amadoda abambana nawe.
-
12
|Isaías 41:12|
Uya kuwafuna, ungawafumani, amadoda aphikisana nawe; aya kuba yinto engento, engekhoyo, amadoda alwa nawe.
-
13
|Isaías 41:13|
Ngokuba mna, Yehova Thixo wakho, ndiya kusibamba isandla sakho sokunene; ndingothi kuwe, Musa ukoyika, ndiya kukunceda mna.
-
14
|Isaías 41:14|
Musa ukoyika, mbungu Yakobi, bantu bambalwa bakwaSirayeli; ndiya kukunceda mna; utsho uYehova, uMkhululi wakho oyiNgcwele kaSirayeli.
-
15
|Isaías 41:15|
Yabona, ndikwenze isisizilo esibukhali esitsha, esintlangothi mbini; uya kuzi bhula iintaba uzicole, iinduli uzixelise umququ.
-
16
|Isaías 41:16|
Uya kuzela, umoya uzitha bathe, umoya ovuthuzayo uziphangalalise; ke wena ugcobe ngoYehova, uqhayise ngoyiNgcwele kaSirayeli.
-
17
|Isaías 41:17|
Ke abaziintsizana nabangamahlwempu baya kufuna amanzi, angabikho, ulwimi lwabo lome linxano; mna Yehova ndiya kubaphendula; mna, Thixo kaSirayeli, andiyi kubashiya.
-
18
|Isaías 41:18|
Ndiya kuyivula imilambo eluqayini, nemithombo phakathi kweentili, ndenze intlango ibe lidike elinamanzi, nomhlaba ongumqwebedu ube ziindawo eziphuma amanzi.
-
19
|Isaías 41:19|
Ndiya kutyala entlango imisedare, nemingampunzi, nemimirtile, neminquma yasendle, ndimise enkqantosini imisipres, nemipleyini, nemigalagala, ndawonye;
-
20
|Isaías 41:20|
ukuze babone, bazi, bagqale ngentliziyo, baqiqe kunye, ukuba isandla sikaYehova sikwenzile oko, oyiNgcwele kaSirayeli ukudalile oko.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21