-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Isaías 41:21|
Sondezani iindawo enibambene ngazo, utsho uYehova; zimiseni iziganeko zenu, utsho uKumkani kaYakobi.
-
22
|Isaías 41:22|
Mabazizise, basixelele okuza kuhla; mabaxele izinto zangaphambili, ubunjani bazo, sizigqale ngeentliziyo, silazi ikamva lazo; nokuba zezizayo siviseni.
-
23
|Isaías 41:23|
Xelani izinto ezizayo ngasemva, ukuze sazi ukuba ningoothixo; ewe, yenzani okulungileyo, nokuba kokubi, sikhwankqiswe, sibonisane ngako.
-
24
|Isaías 41:24|
Yabonani, ningabento engento, nomsebenzi wenu awuni yani; ulisikizi oninyulayo.
-
25
|Isaías 41:25|
Ndivuse owasentla, weza; owasempumalanga, onqula igama lam; uzifikela iirhuluneli njengodaka, njengombumbi exovula udongwe.
-
26
|Isaías 41:26|
Ngubani na owakuxelayo oko kwasekuqaleni? makavele sazi; owakuxelayo ngenxa engaphambili makavele, sithi, Ulungisile. Hayi, akukho waxelayo; hayi, akukho wavakalisayo; hayi, akukho wazivayo iintetho zenu.
-
27
|Isaías 41:27|
Ndim endaqala ndathi kwiZiyon, Yabona, nanzo; ndayinika iYerusalem umshumayeli weendaba ezilungileyo.
-
28
|Isaías 41:28|
Kuba ndakhangela, akwabakho bani; nakwaba akwabakho bacebisi ndingababuzayo, baphendule ngelizwi.
-
29
|Isaías 41:29|
Yabona, bonke bephela bayinto engento, ziyinto engekhoyo izenzo zabo, imifanekiso yabo etyhidiweyo ingumoya nochuku.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5