-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Isaías 48:1|
Yivani oko, ndlu kaYakobi, nibizwayo ngegama likaSirayeli, naphumayo emanzini kaYuda; nina nilifungayo igama likaYehova, nimkhankanye uThixo kaSirayeli, kungenganyaniso, kungengabulungisa.
-
2
|Isaías 48:2|
Ngokuba bazibiza ngokuthi ngabomzi ongcwele, bazixhase ngoThixo kaSirayeli, ogama lakhe linguYehova wemikhosi.
-
3
|Isaías 48:3|
Izinto zangaphambili ndazixela kwanini; zaphuma emlonyeni wam, ndazibonakalalisa; ndazenza ngesiquphe, zabakho.
-
4
|Isaías 48:4|
Ngokukwazi kwam ukuba ulukhuni, nentamo yakho ingumsipha wesinyithi, nebunzi lakho lilubhedu,
-
5
|Isaías 48:5|
ndakuxelela ezo zinto kwanini; zingekafiki ndakuvisa, hleze uthi, Isithixo sam sizenzile, umfanekiso wam oqingqiweyo notyhidiweyo uzimisile.
-
6
|Isaías 48:6|
Uvile; sikhangele zonke ziphela; wena ke akunakuzixela na? Ndiya kukuvisa izinto ezintsha, ezifihlakeleyo, obungazazi.
-
7
|Isaías 48:7|
Zidalwa ngoku, azidalwanga kwanini; ingekabikho le mini, ubungaziva; hleze uthi, Yabona, bendizazi.
-
8
|Isaías 48:8|
Ubungaziva; ubungazazi; ibingavulekile indlebe yakho kwanini. Kuba bendisazi ukuba unginiza unginizile; ukubizwa kwakho kuthiwa ungumkreqi kwasesizalwani.
-
9
|Isaías 48:9|
Ngenxa yegama lam ndizeka kade ukuba nomsindo, nangenxa yendumiso yam ndiyawubamba ngakuwe, ukuze ndingakunqumli.
-
10
|Isaías 48:10|
Uyabona, ndikunyibilikisile, akwaba ngokwesilivere; ndakucikida ezikweni leentsizi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7