-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Isaías 38:11|
Ndathi, Andiyi kumbona uYa, uYa ezweni labaphilileyo; Andiyi kuba samkhangela umntu, ndikubemi belabangasekhoyo.
-
12
|Isaías 38:12|
Umnquba wam uza kuncothulwa, ufuduswe umke kum, njengentente yomalusi; Ndibusongile njengomluki ubomi bam; unditsheca ezintsingeni. Uya kundigqibela ngosuku olunye.
-
13
|Isaías 38:13|
Ndazizolisa kwada kwasa; njengengonyama, wenjenjalo ukuwaphula onke amathambo am. Uya kundigqibela ngosuku olunye.
-
14
|Isaías 38:14|
Njengehlankomo, njengendwe, ndenjenjalo ukukrikriza, Ndalila njengevukuthu; aphela amehlo am kukubheka phezulu: Yehova, ndifingekile, ndimele.
-
15
|Isaías 38:15|
Ndothini na ukubulela, ethethile nje kum, wenza nokwenza? Mandicothoze yonke iminyaka yam eya kuza phezu kobukrakra bomphefumlo wam.
-
16
|Isaías 38:16|
Nkosi yam, babuya baphile zezo zinto abantu, Bukuzo kanye ubomi bomoya wam: Wondiphilisa ke, ndidlise ubomi.
-
17
|Isaías 38:17|
Yabona, baba lusindiso kum ubukrakra obukhulu. Wena ke ngokundithanda, wawurhola umphefumlo wam esihogweni sokonakala; Ngokuba izono zam uzilahlile emva komhlana wakho.
-
18
|Isaías 38:18|
Kuba elabafileyo alinakukuncoma, ukufa akunakukudumisa; Abahla baye emhadini abakulindele ukunyanisa kwakho.
-
19
|Isaías 38:19|
Ophilileyo, ophilileyo nguye owokuncoma, njengam nje namhla. Uyise uya kukwazisa ukunyanisa kwakho koonyana.
-
20
|Isaías 38:20|
UYehova uza kundisindisa; Ngoko ke sozibetha iihadi zethu Yonke imihla yobomi bethu, endlwini kaYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21