-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Isaías 23:11|
Isandla sakhe usolulele phezu kolwandle, ugungqise izikumkani. UYehova uwise umthetho ngelakwaKanan wokutshabalalisa iinqaba zalo.
-
12
|Isaías 23:12|
Wathi, Akuyi kuba sabuya udlamke, nkazana idlwengulweyo, ntombi inguTsidon. SukÂ’ ume, welela kumaKiti; nalapho akuyi kuba nakuphumla.
-
13
|Isaías 23:13|
Yabona, ilizwe lamaKaledi, ngabantu ababengekho; ama-Asiriya abamisela ukuba babe ngabomqwebedu; bamisa iimboniselo zabo, bezinqika iingxande zalo ezinde, bezenza umwewe.
-
14
|Isaías 23:14|
Bhombolozani, zinqanawa zaseTarshishe, ngokuba ibhuqiwe inqaba yenu.
-
15
|Isaías 23:15|
Kuya kuthi ngaloo mini, ilityalwe iTire iminyaka engamashumi asixhenxe, njengemihla yokumkani omnye. Ekupheleni kweminyaka engamashumi asixhenxe kuya kwenzeka kwiTire ngokwengoma yehenyukazi, ethi,
-
16
|Isaías 23:16|
Thabatha uhadi uwujikajike umzi, henyukazi lilityelweyo; betha kamnandi; vuma iingoma ezininzi, ukuze ukhunjulwe.
-
17
|Isaías 23:17|
Kuya kuthi ekupheleni kweminyaka emashumi asixhenxe, ayivelele iTire uYehova, ibuyele elutsheqweni lwayo, ihenyuzane nezikumkani zonke zehlabathi eziphezu komhlaba;
-
18
|Isaías 23:18|
lube ngcwele kuYehova urhwebo lwayo notsheqo lwayo; aluyi kubekwa, aluyi kuqwetywa; kuba urhwebo lwayo luya kuba lolwabahleli phambi koYehova, ukuze badle bahluthe, nokuze bambathe ngokobunene.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21