-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Isaías 2:1|
Ilizwi awalibonayo uIsaya unyana ka-Amotsi, ngokusingisele kuYuda neYerusalem.
-
2
|Isaías 2:2|
Ke kaloku kuya kuthi ekupheleni kwemihla, intaba yendlu kaYehova ivelele ezincotsheni zazo iintaba, izongamele iinduli, zibe ngumsinga ukuya kuyo zonke iintlanga.
-
3
|Isaías 2:3|
Kuya kuhamba izizwe ezininzi, zithi, Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova, endlwini kaThixo kaYakobi; asiyalele iindlela zakhe, sihambe ngomendo wakhe. Kuba kuya kuphuma umyalelo eZiyon, nelizwi likaYehova eYerusalem.
-
4
|Isaías 2:4|
Uya kugweba phakathi kweentlanga, ohlwaye izizwe ezininzi; ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zeediliya; uhlanga lungaphakamiseli uhlanga ikrele, nezizwe zingaphindi zifunde ukulwa.
-
5
|Isaías 2:5|
Ndlu kaYakobi, yizani, sihambe ekukhanyeni kukaYehova.
-
6
|Isaías 2:6|
Kuba ubalahlile abantu bakho, indlu kaYakobi; ngokuba bezele zizinto zasempumalanga, bengamatola njengamaFilisti, bebambene ngezandla nabantwana bezinye iintlanga.
-
7
|Isaías 2:7|
Ilizwe labo lizele yisilivere negolide; abunakuphela ubuncwane babo. Ilizwe labo lizele ngamahashe; azinakuphela iinqwelo zabo zokulwa.
-
8
|Isaías 2:8|
Ilizwe labo lizele zizithixo ezingeni; baqubuda kumsebenzi wezandla zabo, kwinto eyenziwe yiminwe yabo.
-
9
|Isaías 2:9|
Ophantsi uyagoba, nendoda ephakamileyo ithotyelwe phantsi, ungabaxoleli ke.
-
10
|Isaías 2:10|
Ngena eweni, uziselele eluthulini, ngenxa yokoyika uYehova, nangenxa yozuko lobungangamsha bakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7