-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Isaías 33:11|
Niya kumitha isikhotha, nizale iindiza; ukufutha kwenu ngumlilo oya kunidla.
-
12
|Isaías 33:12|
Izizwe zoba yimitshiso yekalika, zoba yimithi enameva ehlahliweyo, ibaswe umlilo.
-
13
|Isaías 33:13|
Yivani, nina bakude, endikwenzileyo: nibazi ubugorha bam, nina basondeleyo.
-
14
|Isaías 33:14|
Bayankwantya eZiyon aboni, abaziintshembenxa babanjwe kukuthuthumela; bathi, Ngubani na ke kuthi onokuphambukela emlilweni odlayo? ngubani na ke kuthi onokuphambukela emalangatyeni angunaphakade?
-
15
|Isaías 33:15|
Ohamba ngobulungisa, othetha okuthe tye, ocekisa inzuzo yokucudisa, ovuthulula isandla sakhe singaphathi sicengo, ovingca iindlebe zakhe zingevi ngegazi, ocima amehlo akhe angakhangeli entweni embi:
-
16
|Isaías 33:16|
nguye oya kuhlala ezindaweni eziphezulu. Iimboniselo zeengxondorha yingxonde yakhe; isonka sakhe usinikiwe, amanzi akhe ahleli ekho.
-
17
|Isaías 33:17|
Amehlo akho aya kumkhangela ukumkani ebuhleni bakhe; aya kulibona ilizwe elisingise kude.
-
18
|Isaías 33:18|
Intliziyo yakho iya kucamanga ngesothuso, ithi, Uphi na umbali? uphi na umlinganiseli? uphi na umbali weenqaba ezinde?
-
19
|Isaías 33:19|
Abantu abaziingwanyalala akuyi kubabona: abantu abantetho inzulu, ingavakaliyo, abalulwimi luthintithayo lungenakuqondeka.
-
20
|Isaías 33:20|
Khangela iZiyon, umzi wemithendeleko yethu. Amehlo akho aya kuyibona iYerusalem, isithili esinokonwaba, iyintente engafuduswayo, ezikhonkwane zingancothulwayo naphakade, ezintambo zonke zingaqhawukiyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7