-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Isaías 3:11|
Yeha ongendawo! Kuya kuba kubi kuye; ngokuba ukuphatha kwezandla zakhe kuya kwenziwa kuye.
-
12
|Isaías 3:12|
Abantu bam bakhandaniswa ngabantwana, balawulwa ngabafazi. Bantu bam, abakhokeli benu ngabandwendwisi, bayigqukile indlela yomendo wenu.
-
13
|Isaías 3:13|
Usukile wema uYehova ukuba athethe ityala; umi ukuba agwebe ebantwini.
-
14
|Isaías 3:14|
UYehova uya kungena ematyaleni namadoda amakhulu abantu bakhe, nabathetheli babo; esithi, Ke nina nisigqibile isidiliya; okuphangwe kusizana kusezindlwini zenu.
-
15
|Isaías 3:15|
Ninani na, ukuba nibatyumze nje abantu bam, nibusile ubuso beentsizana? itsho iNkosi, uYehova wemikhosi.
-
16
|Isaías 3:16|
Kananjalo uthi ke uYehova, Ngenxa enokuba zizidla iintombi zaseZiyon, zihamba zolule iintamo, zitshawula ngamehlo, zihamba zicothoza ukuhamba kwazo, zisenza isigampe esisezinyaweni zazo:
-
17
|Isaías 3:17|
ngako oko iNkosi yolujaduka ukakayi lweentombi zaseZiyon, uYehova azihlube ubunkazana bazo.
-
18
|Isaías 3:18|
Ngaloo mini iNkosi yozisusa izihombo zemixokelelwane, nesangqawe, nentsimbi yomqala,
-
19
|Isaías 3:19|
namajikazi, neewatsha, nezigqubuthelo,
-
20
|Isaías 3:20|
neembasa, neenxaxhazo, neenqwemesha, namahlala okujoja, namakhubalo,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3