-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Isaías 42:21|
UYehova uthande ngenxa yobulungisa bakhe ukuwukhulisa umyalo, wawenza wanobungangamsha.
-
22
|Isaías 42:22|
Ke bona ngabantu abaphangiweyo, abahluthiweyo, ababotshelelwe emingxunyeni bonke bephela, abafakwe ezintolongweni, baba lixhoba, akwabakho mhlanguli; baba ngabahluthiweyo, akwabakho uthi, Buyisa.
-
23
|Isaías 42:23|
Ngubani na kuni oya kukubekela indlebe oko, abaze indlebe, eve emveni koku?
-
24
|Isaías 42:24|
Ngubani na owamnikela uYakobi ekuhluthweni, owamnikela uSirayeli kubaphangi? AsinguYehova nalowo sonayo kuye, lowo bangavumanga ukuhamba ngeendlela zakhe, abawuphulaphula umyalo wakhe?
-
25
|Isaías 42:25|
Wamphalazela ngobushushu bomsindo wakhe, nangamandla emfazwe; wamlenya ngomlilo ngeenxa zonke, akakwazi noko; wamtshisa, noko akakunyamekela oko ngentliziyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21