-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Isaías 49:11|
Ndiya kuzenza zonke iintaba zam zibe ziindlela, uphakame umendo wam.
-
12
|Isaías 49:12|
Yabona, aba baya kuvela kude; yabona, aba baya kuvela kwelasentla naselwandle, aba bavele ezweni lamaSini.
-
13
|Isaías 49:13|
Memelelani, mazulu; gcoba, hlabathi; gqabhukani nimemelele, zintaba; ngokuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe, unemfesane kwabaziintsizana zakhe.
-
14
|Isaías 49:14|
Ke yathi iZiyon, UYehova undishiyile, iNkosi yandilibala.
-
15
|Isaías 49:15|
Umfazi angalulibala yini na usana lwakhe, ukuba angabi namfesane kunyana wesizalo sakhe? Nokuba oonina abo bathe balibala, andiyi kukulibala mna.
-
16
|Isaías 49:16|
Uyabona, ndikuvambile ezintendeni zezandla zam; iindonga zakho zihlala zimi phambi kwam.
-
17
|Isaías 49:17|
Oonyana bakho bayakhawuleza, bayeza; abagungxuli bakho nabachithi bakho bayaphuma kuwe.
-
18
|Isaías 49:18|
Phakamisa amehlo akho ngeenxa zonke, ubone; bonke bephela bayahlanganisana, beza kuwe. Ndihleli nje, utsho uYehova, uya kubanxiba bonke bephela njengezivatho, ubabhinqe ngokombhinqo womtshakazi.
-
19
|Isaías 49:19|
Ngokuba amanxuwa akho la, neendawo zakho ezigungxuliweyo, nelizwe lakho elichithakeleyo-inene, ngoku uya kuxinana ngabemi kulo, babe kude abaginyi bakho.
-
20
|Isaías 49:20|
Basaya kuthi ezindlebeni zakho oonyana bakho obubahluthiwe, Indawo ixinene kum, ndikhwelele, ndihlale;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7