-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Isaías 54:11|
Wena lusizana, uphetshethwayo ungenantuthuzelo, yabona, ndiwabeka amatye akho kwistibhiya, ndikuseka ngeesafire.
-
12
|Isaías 54:12|
Ndolumisa uqoqo lwakho ngeerubhi, namasango akho ngamatye abengezelayo, nemida yakho yonke ngamatye anqabileyo.
-
13
|Isaías 54:13|
Bonke abantwana bakho baya kuba ngabafundi bakaYehova, lube lukhulu uxolo lwabantwana bakho.
-
14
|Isaías 54:14|
Uya kuzinza ngobulungisa; ungakhe uxhale, ngokuba akuyi kuba nakoyika; ungakhe uqhiphuke umbilini, ngokuba akuyi kusondela kuwe.
-
15
|Isaías 54:15|
Yabona, bayaqukana bahlanganisane, andikho mna kuloo nto; nokuba ngoobani na abaya kuqukana ngawe, baya kuwa ngenxa enawe.
-
16
|Isaías 54:16|
Yabona, mna ndadala ingcibi efutha umlilo wamalahle, ivelise impahla ngokweshishini layo; kwamna ndadala nomonakalisi wokuyonakalisa.
-
17
|Isaías 54:17|
Zonke izixhobo ezikhandelwa ukulwa nawe aziyi kuba nampumelelo; zonke iilwimi ezimelene nawe ematyaleni uya kuzigweba. Lilo eli ilifa labakhonzi bakaYehova, nobulungisa babo obuphuma kum; utsho uYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7