-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Isaías 60:11|
ohlala evuliwe amasango akho imini nobusuku; akayi kuvalwa, ukuze bungeniswe kuwe ubutyebi beentlanga, nookumkani bazo beqhutywa.
-
12
|Isaías 60:12|
Kuba uhlanga nobukumkani obungayi kukukhonza buya kutshabalala, ezo ntlanga ziphanze ziphanzile.
-
13
|Isaías 60:13|
Ubuqaqawuli beLebhanon buya kuza kuwe, umsipres nompleyini nomgalagala ndawonye, ukuze ihombe indawo yengcwele yam, ndiyizukise indawo yeenyawo zam.
-
14
|Isaías 60:14|
Baya kuza kuwe besibekeka oonyana babacinezeli bakho, baqubude ezintendeni zeenyawo zakho abakugibayo; ukukubiza bathi, Mzi kaYehova, Ziyon yoyiNgcwele kaSirayeli.
-
15
|Isaías 60:15|
Esikhundleni sokuba ubushiyiwe, uthiyiwe, akwabakho bani ucanda kuwe, ndiya kukwenza ke ingangamsha engunaphakade, imihlali yezizukulwana ngezizukulwana.
-
16
|Isaías 60:16|
Uya kwanya amasi eentlanga, wanye ibele lokumkani, wazi ukuba mna Yehova ndinguMsindisi wakho, uMkhululi wakho, iMbalasane kaYakobi.
-
17
|Isaías 60:17|
Esikhundleni sobhedu ndizisa igolide, esikhundleni sesinyithi ndizisa isilivere, esikhundleni semithi ubhedu, esikhundleni samatye isinyithi; isiveleli sakho ndisenze uxolo, abaphathi bakho ndibenze ubulungisa.
-
18
|Isaías 60:18|
Akuyi kuba savakala lugonyamelo ezweni lakho, imbuqo nolwaphulo emideni yakho; iindonga zakho ukuzibiza wothi luSindiso, namasango akho uthi yiNdumiso.
-
19
|Isaías 60:19|
Ilanga aliyi kuba saba sisikhanyiso kuwe emini, nenyanga ingakukhanyiseli, ukuze kube mhlophe kuwe; uYehova uya kuba sisikhanyiso esingunaphakade kuwe, uThixo wakho abe sisihombo sakho.
-
20
|Isaías 60:20|
Aliyi kuba satshona ilanga lakho, ingafi nenyanga yakho; kuba uYehova uya kuba sisikhanyiso esingunaphakade kuwe, zizaliseke iimini zesijwili sakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5