-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Isaías 63:11|
Baza abantu bakhe bakhumbula imihla yasephakadeni kaMoses, bathi, Uphi na lo wabanyusa elwandle, ndawonye nomalusi womhlambi wakhe? Uphi na lowo wawubeka phakathi kwabo uMoya wobungcwele bakhe?
-
12
|Isaías 63:12|
wayihambisa ngasekunene kukaMoses ingalo yokuhomba kwakhe? wawacanda amanzi phambi kwabo, ukuze azenzele igama elingunaphakade?
-
13
|Isaías 63:13|
wabahambisa emanzini anzongonzongo, njengehashe entlango, abakhubeka?
-
14
|Isaías 63:14|
Njengeenkomo ezihla ziye entilini, uMoya kaYehova wabaphumza; wenjenjalo ukubaqhuba abantu bakho, ukuze uzenzele igama elizukileyo.
-
15
|Isaías 63:15|
Bheka usemazulwini, ubone usengontsini yobungcwele bakho neyesihombo sakho. Buphi na ubukhwele bakho nobugorha bakho? Ukusika kwezibilini zakho neemfesane zakho zibambekile kum.
-
16
|Isaías 63:16|
Kuba ungubawo wena, ngokuba uAbraham engasazi, uSirayeli engasinakani; wena, Yehova, unguBawo, uMkhululi wethu ligama lakho kwasephakadeni.
-
17
|Isaías 63:17|
Yini na ukuba usiyeke sidungudele, Yehova, simke ezindleleni zakho, uyiqaqadekise intliziyo yethu, singakoyiki wena? Buya, ngenxa yabakhonzi bakho, izizwe zelifa lakho.
-
18
|Isaías 63:18|
Abantu bakho abangcwele badla ilifa umzuzwana; ababandezeli bethu bayigqusha ingcwele yakho.
-
19
|Isaías 63:19|
Sisuke saba njengabo ungabalawulanga kwasephakadeni, abangabizwanga ngegama lakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7