-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Isaías 64:1|
Yoo! Wanga ungawakrazula amazulu uhle, zizamazame iintaba ebusweni bakho,
-
2
|Isaías 64:2|
njengomlilo uvuthisa iintsasa, njengomlilo uxhaphazelisa amanzi; ukuze ulazise igama lakho kubabandezeli bakho, zigungqe iintlanga ebusweni bakho.
-
3
|Isaías 64:3|
Ekwenzeni kwakho imisebenzi eyoyikekayo, ebe singayilindele, wanga ungehla, zizamazame iintaba ebusweni bakho!
-
4
|Isaías 64:4|
Kususela kwasephakadeni, abantu abevanga, abamamelanga, neliso alibonanga Thixo ingenguwe, omenzelayo lowo ulindele kuye.
-
5
|Isaías 64:5|
Umkhawulele onemihlali, enze ubulungisa, ekukukhumbuleni kwabo ezindleleni zakho. Yabona, wena ubunoburhalarhume, masibe ke singaboni; kudala sikwezo zinto; sosindiswa na ke?
-
6
|Isaías 64:6|
Ke sisuke saba njengoyinqambi sonke siphela, yanjengengubo enomzi yonke imisebenzi yethu yobulungisa; sabuna njengamagqabi sonke siphela, ubugwenxa bethu basithabatha njengomoya.
-
7
|Isaías 64:7|
Akwabakho ulinqulayo igama lakho, uzixhoxhayo ukuba abambelele kuwe; ngokuba ubusithelisile ubuso bakho kuthi, wasinyibilikisa ngobugwenxa bethu.
-
8
|Isaías 64:8|
Kaloku ke, Yehova, unguBawo; siludongwe; unguMbumbi wethu; sisisenzo sesandla sakho, sonke siphela.
-
9
|Isaías 64:9|
Musa ukuba noburhalarhume, Yehova, kuphele; ungabukhumbuli ubugwenxa ngonaphakade. Yabona, khawusibheke; singabantu bakho sonke siphela.
-
10
|Isaías 64:10|
Imizi yobungcwele bakho iyintlango, iZiyon iyintlango, iYerusalem ilinxuwa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7