-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Isaías 6:1|
Ngomnyaka wokufa kokumkani u-Uziya, ndayibona iNkosi ihleli etroneni ende enyukileyo; amasondo eengubo zayo ezirholayo azalisa itempile.
-
2
|Isaías 6:2|
Kumi iiserafi ngaphezu kwayo, iyileyo inamaphiko amathandathu, ngamabini ifihle ubuso bayo, ngamabini ifihle iinyawo zayo, ngamabini iphaphazela.
-
3
|Isaías 6:3|
Iyileyo idanduluke kuleyo isithi. Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele uYehova wemikhosi; buzalise ihlabathi lonke ubuqaqawuli bakhe.
-
4
|Isaías 6:4|
Yadidizela imigubasi yeminyango lilizwi lowadandulukayo; yaye indlu izele ngumsi.
-
5
|Isaías 6:5|
Ndathi, Athi ke mna! Ngokuba ndithe shwaka, ngokuba ndiyindoda emlomo uyinqambi; ndihleli phakathi kwabantu abamilomo iyinqambi; ngokuba amehlo am abone ukumkani, uYehova wemikhosi.
-
6
|Isaías 6:6|
Yaphaphazela yeza kum enye yeeserafi, iphethe ilahle elivuthayo, elithabathe ngesithabatho esibingelelweni;
-
7
|Isaías 6:7|
yalifikisa emlonyeni wam, yathi, Yabona, eli lahle lifikile nje emlonyeni wakho, bususiwe ubugwenxa bakho, nesono sakho sicanyagushelwe.
-
8
|Isaías 6:8|
Ndeva izwi leNkosi, lisithi, Ndothuma bani na? Ngubani na owosiyela?
-
9
|Isaías 6:9|
Ndathi, Ndikho, thuma mna. Yathi, Yiya, uthi kubo aba bantu, Yivani, ukuva oku niya kuva, ningaqondi; qiqani, ukubona oku niya kubona, ningaqiqi.
-
10
|Isaías 6:10|
Yityebise intliziyo yaba bantu, neendlebe zabo zenze zithi nkqi, namehlo abo uwavingce; hleze babone ngamehlo abo, beve ngeendlebe zabo, baqonde ngentliziyo yabo, babuye, baze baphiliswe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7