-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|Jeremías 24:3|
Wathi ke uYehova kum, Ubona ntoni na, Yeremiya? Ndathi, Amakhiwane; amakhiwane alungileyo, elunge kunene; amabi emabi kunene, engenakudliwa ngobubi bawo.
-
4
|Jeremías 24:4|
Kwafika kum ilizwi likaYehova, lisithi,
-
5
|Jeremías 24:5|
Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Njengaloo makhiwane alungileyo, ndiya kwenjenjalo ukubakhangelela okulungileyo abathinjiweyo bakwaYuda endibagxothileyo kule ndawo, baya ezweni lamaKaledi.
-
6
|Jeremías 24:6|
Ndiya kulimisela okulungileyo iliso lam kubo, ndibabuyisele kweli lizwe, ndibakhe, ndingabagungxuli; ndibatyale, ndingabanyothuli.
-
7
|Jeremías 24:7|
Ndobanika intliziyo yokundazi, ukuba ndinguYehova, babe ngabantu bam, ndibe nguThixo wabo; ngokuba baya kubuyela kum nentliziyo yabo yonke.
-
8
|Jeremías 24:8|
Ke, njengamakhiwane amabi angenakudliwa ngobubi, inene, utsho uYehova ukuthi, Ndiya kumenza abe njalo uZedekiya ukumkani wamaYuda, nabathetheli bakhe, namasalela aseYerusalem aseleyo kweli lizwe, nahleliyo ezweni lamaYiputa.
-
9
|Jeremías 24:9|
Ndiya kubanikela kwizikumkani zonke zehlabathi, ukuba babe yinto yokunqakulisa, babe nobubi, babe sisingcikivo, nomzekeliso, nento yentsini neyokutshabhiswa ezindaweni zonke endibagxothela khona.
-
10
|Jeremías 24:10|
Ndolithuma phakathi kwabo ikrele, nendlala, nendyikitya yokufa, bade bagqitywe, baphele emhlabeni endawunika bona nooyise.
-
1
|Jeremías 25:1|
Ilizwi elafikayo kuYeremiya ngokusingisele ebantwini bonke bakwaYuda, ngomnyaka wesine kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, ongumnyaka wokuqala kaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli;
-
2
|Jeremías 25:2|
awalithethayo uYeremiya umprofeti kubantu bonke bakwaYuda, nakubemi bonke baseYerusalem, esithi,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13