-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
13
|Jeremías 25:13|
ndilizisele elo lizwe onke amazwi am endawathetha ngalo: into yonke ebhaliweyo kule ncwadi, ayiprofetileyo uYeremiya ngeentlanga zonke.
-
14
|Jeremías 25:14|
Ngokuba ziya kuwakhonzisa nawo iintlanga ezininzi nookumkani abakhulu, ndiwavuze ngokwemisebenzi yawo, nangokwezenzo zezandla zawo.
-
15
|Jeremías 25:15|
Ngokuba utshilo kum uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Thabatha le ndebe yewayini yobushushu esandleni sam, useze ngayo iintlanga zonke, endikuthumela kuzo;
-
16
|Jeremías 25:16|
zisele, zihexe, zigeze, ngenxa yekrele endilithumela phakathi kwazo.
-
17
|Jeremías 25:17|
Ndayithabatha ke indebe esandleni sikaYehova, ndaziseza zonke iintlanga, awandithumela kuzo uYehova:
-
18
|Jeremías 25:18|
iYerusalem, nemizi yakwaYuda, nookumkani bayo, nabathetheli bayo, ukuba benziwe iimpanza, nommangaliso, nomsondlo, nentshabhiso, njengoko kunjalo namhla;
-
19
|Jeremías 25:19|
uFaro ukumkani waseYiputa, nabakhonzi bakhe, nabathetheli bakhe, nabantu bakhe bonke;
-
20
|Jeremías 25:20|
nomxukuxela wonke, nookumkani bonke belizwe lakwaUtse, nookumkani bonke belizwe lamaFilisti, neAshkelon, neGaza, ne-Ekron, namasalela aseAshdode;
-
21
|Jeremías 25:21|
uEdom, noMowabhi, noonyana baka-Amon;
-
22
|Jeremías 25:22|
nookumkani bonke baseTire, nookumkani bonke baseTsidon, nookumkani bonke besiqhithi esiphesheya kolwandle;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13