-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|Jeremías 25:3|
Kuthabathela kumnyaka weshumi elinesithathu kaYosiya unyana ka-Amon, ukumkani wakwaYuda, kuzise kule mini, le minyaka imashumi mabini anamithathu, bekufika ilizwi likaYehova kum; bendithetha kuni, ndivuka kwakusasa ndithethe; anivanga noko.
-
4
|Jeremías 25:4|
UYehova wathumela kuni bonke abakhonzi bakhe abaprofeti, ebathuma evuka kwakusasa; aniphulaphulanga noko, anizithobanga iindlebe zenu ukuba nive.
-
5
|Jeremías 25:5|
Baye besithi, Khanibuye elowo endleleni yakhe embi, nasebubini beentlondi zenu; nohlala emhlabeni awaninikayo uYehova, nina nooyihlo, ngonaphakade kanaphakade;
-
6
|Jeremías 25:6|
ningalandeli thixo bambi, ningabakhonzi, ningaqubudi kubo, ningandiqumbisi ngezenzo zezandla zenu, ukuze ndingenzi nto imbi kuni.
-
7
|Jeremías 25:7|
Aniphulaphulanga kum, utsho uYehova; ukuze nindiqumbise ngezenzo zezandla zenu, kuze kube kubi kuni.
-
8
|Jeremías 25:8|
Ngako oko utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ngenxa enokuba ningawevanga amazwi am,
-
9
|Jeremías 25:9|
yabonani, ndithumela ukuba ndiyithabathe yonke imizalwane yelasentla, utsho uYehova; ndithumela kuNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umkhonzi wam, ndiyizisele phezu kweli lizwe, naphezu kwabemi balo, naphezu kwezi ntlanga zonke, ngeenxa zonke; ndizisingele phantsi, ndizenze ummangaliso nomsondlo, neempanza ezingunaphakade;
-
10
|Jeremías 25:10|
ndoliphelisa phakathi kwazo izwi lemihlali nezwi lemivuyo, izwi lomyeni nezwi lomtshakazi, izwi lokusila nokukhanya kwesibane.
-
11
|Jeremías 25:11|
Eli lizwe lonke liya kubharha, kube senkangala; ezi ntlanga zimkhonze ukumkani waseBhabheli iminyaka emashumi asixhenxe.
-
12
|Jeremías 25:12|
Kuya kuthi ke, xa izalisekileyo iminyaka emashumi asixhenxe, ndimvelele ukumkani waseBhabheli nolo luhlanga, ngenxa yobugwenxa babo; utsho uYehova. Nelizwe lamaKaledi ndolenza kube senkangala ngonaphakade,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13