-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Isaías 14:11|
Buhliselwe kwelabafileyo ubungangamsha bakho, isandi semirhubhe yakho; kwandlelwe iimpethu ngaphantsi kwakho, akugubungele amanundu.
-
12
|Isaías 14:12|
Utheni na ukuwa emazulwini, Khwezi, nyana wesifingo! ukunqunyulwa uwe emhlabeni, mngquli weentlanga!
-
13
|Isaías 14:13|
Wena ke wathi entliziyweni yakho, Ndiyakunyukela emazulwini, ndiyinyuse itrone yam ibe ngaphezu kweenkwenkwezi zikaThixo; ndihlale entabeni yentlanganiso, engontsini yasentla.
-
14
|Isaías 14:14|
Ndiya kunyuka ngaphezu kweziganga zamafu, ndizifanise nOsenyangweni;
-
15
|Isaías 14:15|
kanti uya kuhliselwa kwelabafileyo, engontsini yomhadi.
-
16
|Isaías 14:16|
Abakubonayo baya kukuthi nzo ngamehlo, bakugqale, bathi, Yiyo na le indoda ebiligungqisa ihlabathi, ebizinyikimisa izikumkani?
-
17
|Isaías 14:17|
eyalenza intlango elimiweyo, yayigungxula imizi yalo; ayabavulela ababanjwa balo ukuba bagoduke?
-
18
|Isaías 14:18|
Bonke ookumkani beentlanga, bonke bephela, balele benozuko, elowo endlwini yakhe;
-
19
|Isaías 14:19|
ke wena ulahlelwe kude nengcwaba lakho, njengegatya elilisikizi; wambethe ababuleweyo, abahlatywe ngekrele, abahle baya ematyeni omhadi; njengesidumbu esinyashwe ngeenyawo.
-
20
|Isaías 14:20|
Akuyi kubandakanywa nabo engcwabeni, ngokokuba walonakalisayo ilizwe lakho, wababulala abantu bakho; ayiyi kuba nagama naphakade imbewu yabenzi bobubi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7