-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Isaías 14:21|
Oonyana bakhe balungiseleni ukusikwa, ngenxa yobugwenxa booyise, Mabangesuki balidle ilifa ihlabathi, bazalise elimiweyo ngemizi,
-
22
|Isaías 14:22|
Ndiya kusukela phezulu kubo, utsho uYehova wemikhosi, iBhabheli ndiyinqumle ingabi nagama namasalela, nanyana nanzalo, utsho uYehova;
-
23
|Isaías 14:23|
ndiyenze ibe lilifa lokhwalimanzi nezadunge zamanzi, ndiyitshayele ngomtshayelo wentshabalalo; utsho uYehova wemikhosi.
-
24
|Isaías 14:24|
Ufungile uYehova wemikhosi wathi, Inyaniso, njengoko ndicinge ngako, koba njalo; njengoko ndicebe ngako, koma ngolo hlobo;
-
25
|Isaías 14:25|
ukuba ndimaphule uAsiriya ezweni lam, ndimnyashe ngeenyawo ezintabeni zam, isuke kubo idyokhwe yakhe, usuke umthwalo wakhe esixhantini sabo.
-
26
|Isaías 14:26|
Lilo elo icebo elicetyiweyo ngehlabathi lonke; siso eso isandla esolukileyo phezu kweentlanga zonke.
-
27
|Isaías 14:27|
Kuba uYehova wemikhosi ucebile, ngubani na onokutshitshisa? nesandla sakhe eso solukile, ngubani na onokusibuyisa?
-
28
|Isaías 14:28|
Ngomnyaka wokufa kokumkani onguAhazi kwabakho esi sihlabo sithi:
-
29
|Isaías 14:29|
Musa ukuvuyelela, wena Filisti uphela, ngakuba yaphukile intonga ebikubetha; kuba engcanjini yenyoka kuphuma irhamba, isiqhamo sayo sibe yinyoka etshisayo, ephaphazelayo.
-
30
|Isaías 14:30|
Baya kudla abazizisweli, abuthe ekholosile amahlwempu; ndibulale ingcambu yakho ngendlala, abulawe amasalela akho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3