-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Isaías 28:11|
Inene, uya kuthetha ngentetho ethintithayo nangalulwimi lumbi kwaba bantu;
-
12
|Isaías 28:12|
watshoyo kubo ukuthi, Nantsi indawo yokuphumla, phumzani abatyhafileyo; nantsi indawo yokunyhamnyheka; basuka abavuma ukuva.
-
13
|Isaías 28:13|
Ngoko ke ilizwi likaYehova loba ngumthetho phezu komthetho kubo, umthetho phezu komthetho; ngummiselo phezu kommiselo, ummiselo phezu kommiselo; intwana apha, intwana phaya: ukuze baye bakhubeke, bawe ngomva, baphuke, barhintyelwe, babanjiswe.
-
14
|Isaías 28:14|
Ngako oko liveni ilizwi likaYehova, madoda agxekayo, balawuli baba bantu baseYerusalem.
-
15
|Isaías 28:15|
Ngokuba nisithi, Sinqophisene nokufa, sivumelene nelabafileyo; isibetho esingumkhukula, xa singenelayo, asiyi kufika kuthi, kuba amanga siwenze ihlathi lethu, sasithela ngobuxoki.
-
16
|Isaías 28:16|
Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndiseke eZiyon ilitye, ilitye locikido, ilitye elinqabileyo lembombo, loseko olusekiweyo. Okholiweyo akayi kungxama.
-
17
|Isaías 28:17|
Isiko ndolenza intambo yokulinganisa, ubulungisa ndibenze ilothe yokulungelelanisa; isichotho siya kumka nalo ihlathi lamanga, amanzi ayikhukulise indawo yokusithela.
-
18
|Isaías 28:18|
Kuya kucinywa ukunqophisana kwenu nokufa, kungemi ukuvumelana kwenu nelabafileyo; isibetho esingumkhukula, xa singenelayo, sonenza nibe yinto egqushiweyo.
-
19
|Isaías 28:19|
Oku kungenela singenelayo, siya kunisusa; ngokuba imiso ngemiso siya kuningenela, imini nobusuku; kuthi ukuqonda udaba kube kukuhlasimla kodwa.
-
20
|Isaías 28:20|
Inene, umandlalo mfutshane, akukho kunaba; nesigubungelo sincinane, ukuba azisongele kuso.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7