-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Isaías 28:21|
Ngokuba uya kusukÂ’ eme uYehova, njengasentabeni yePeratsim; uya kuguguma, njengasentilini yeGibheyon; ukuba enze isenzo sakhe, isenzo sakhe esisodwa, ukuba asebenze umsebenzi wakhe, umsebenzi wakhe ongaqhelekileyo.
-
22
|Isaías 28:22|
Kaloku ke musani ukugxeka, hleze kuqiniselwe ukubotshelelwa kwenu; ngokokuba isiphelo esiya kulifikela ilizwe lonke sisesimisiweyo ke sagqitywa; ndisivile eNkosini, uYehova wemikhosi.
-
23
|Isaías 28:23|
Libekeleni indlebe nilive ilizwi lam; yibazeleni indlebe niyive intetho yam.
-
24
|Isaías 28:24|
Umlimi ulima iimini ezi zonke na, ukuba ahlwayele? anqike aqwakanise umhlaba wakhe na?
-
25
|Isaías 28:25|
Akathi na, akuba ebulungelelanisile ubuso bawo, asasaze idile, agcwayele ikumin, akrozise ingqolowa, nerhasi endaweni ephawuliweyo, nespelete ngasemdeni wayo?
-
26
|Isaías 28:26|
Umqeqeshile ngokwesiko uThixo wakhe, wamyala.
-
27
|Isaías 28:27|
Kuba idile ayisizilwa ngempahla yokusizila, ayiqengqelwa ngevili yenqwelo ikumin; itsinwa ngoswazi idile, nekumin ngentonga.
-
28
|Isaías 28:28|
Ingqolowa ikhe ityunyuzwe na? Hayi, akahlali eyisizila, agoqozise ivili yenqwelo yakhe namahashe akhe phezu kwayo; akayityumzi.
-
29
|Isaías 28:29|
Nale nto iphuma kuYehova wemikhosi; omacebo angummangaliso, obulumko butshatsheleyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7