-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Isaías 37:11|
Uyabona, ukuvile wena abakwenzileyo ookumkani baseAsiriya kumazwe onke, ukuba bawaphanzisa; uya kuhlangulwa na ke wena?
-
12
|Isaías 37:12|
Oothixo beentlanga ke bazihlangula na ezo, bazitshabalalisayo oobawo, iGozan, neHaran, neRetsefe, noonyana bakaEden ababeseTelasare?
-
13
|Isaías 37:13|
Uphi na ukumkani weHamati, nokumkani weArpadi, nokumkani womzi waseSefarvayim, neHena, neIva?
-
14
|Isaías 37:14|
Wawathabatha uHezekiya amaphepha encwadi esandleni sabathunywa, wawafunda; wenyuka waya endlwini kaYehova, wayaneka uHezekiya phambi koYehova.
-
15
|Isaías 37:15|
Wathandaza uHezekiya kuYehova esithi,
-
16
|Isaías 37:16|
Yehova wemikhosi, Thixo wakwaSirayeli, wena uhleli phakathi kweekerubhi, unguye uThixo wena wedwa kwizikumkani zonke zehlabathi; wena ulenzile izulu nehlabathi.
-
17
|Isaías 37:17|
Thoba indlebe yakho, Yehova, uve; vula amehlo akho, Yehova, ubone; uweve onke amazwi kaSaneribhe, awathumele ukungcikiva uThixo ophilileyo.
-
18
|Isaías 37:18|
Okunene, Yehova, ookumkani baseAsiriya baziphanzisile zonke iintlanga namazwe azo;
-
19
|Isaías 37:19|
babanikela oothixo bazo emlilweni, kuba bebengethixo, bebengumsebenzi wezandla zomntu, umthi nelitye; babatshabalalisa ke.
-
20
|Isaías 37:20|
Ke ngoko, Yehova Thixo wethu, sisindise esandleni sakhe, zazi zonke izikumkani zehlabathi, ukuba wena unguYehova wedwa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21