-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Isaías 37:21|
Wathumela ke uIsaya unyana ka-Amotsi kuHezekiya, esithi, Utsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Okuthandazeleyo kum, ngokubhekisele kuSaneribhe ukumkani waseAsiriya, ndikuvile.
-
22
|Isaías 37:22|
Lilo eli ilizwi alithethayo uYehova ngaye, Intombi eyintombi uZiyon iyakudela, iyakugculela; intombi uYerusalem ihlunguzela intloko emva kwakho.
-
23
|Isaías 37:23|
Ngubani na lo umngcikivileyo, umnyelisileyo? Ngubani na lo umphakamisele ilizwi lakho, ukude uwaphakamisele amehlo akho phezulu nje? NgoyiNgcwele wakwaSirayeli.
-
24
|Isaías 37:24|
Uyingcikivile iNkosi ngabakhonzi bakho, wathi, Ngobuninzi beenqwelo zam zokulwa ndiqabele mna ezintlomeni zeentaba, emathambekeni eLebhanon; ndiyigawule imisedare yayo emide kakhulu nemisipres yayo enyuliweyo; ndifike kweyokuphela indawo yayo ephezulu, ehlathini lentsimi yayo echumayo.
-
25
|Isaías 37:25|
Ndimbe, ndasela amanzi mna; ndiya kuyomisa ngentende yeenyawo zam yonke imijelo yoMnayile oseYiputa.
-
26
|Isaías 37:26|
Akuvanga na? Kwakude ndakwenza oku, kwangemihla yamandulo ndakubumba; ndikufikisile, kwenzeka ngoku ukuba uyikhahlele phantsi imizi enqatyisiweyo, ibe yingxakangxaka yemiwewe.
-
27
|Isaías 37:27|
Abemi bayo banqumka izandla, baqhiphuka umbilini, badana, baba ngumfuno wasendle, nohlaza, utyani obuphezu kwendlu, nentsimi yengqolowa engekabi mvila.
-
28
|Isaías 37:28|
Ke ukuhlala kwakho, nokuphuma kwakho, nokungena kwakho, ndiyakwazi, nokuguguma kwakho ngam.
-
29
|Isaías 37:29|
Ngenxa yokuguguma kwakho ngam, nangenxa yokutyesha kwakho okunyuke kweza ezindlebeni zam, ndiya kufaka ikhonkco lam empumlweni yakho, nomkhala wam emlonyeni wakho, ndikubuyise ngendlela oweza ngayo.
-
30
|Isaías 37:30|
Ke kaloku nguwo lo umqondiso kuwe: lo mnyaka kodliwa ummilela, ngomnyaka wesibini kodliwa isihlabane; ngomnyaka wesithathu nohlwayela nivune, nityale izidiliya, nidle iziqhamo zazo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5