-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Isaías 66:11|
ukuze nanye nihluthe libele leentuthuzelo zayo, ukuze nishube, nixhamle ukwehlisa kozuko lwayo.
-
12
|Isaías 66:12|
Ngokuba uYehova utsho ukuthi, Yabonani, ndisingisa uxolo kuyo njengomlambo, nozuko lweentlanga njengesihlambo esikhukulayo, ukuze nanye; niya kubelekwa ephangweni, niteketiswe emathangeni.
-
13
|Isaías 66:13|
Njengomntu othu thuzelwa ngunina, ndiya kwenjenjalo mna ukunithuthuzela, nithuthuzelwe eYerusalem.
-
14
|Isaías 66:14|
Nobona, ibe nemihlali intliziyo yenu, ahlume amathambo enu njengohlaza, sazeke isandla sikaYehova ebakhonzini bakhe, azibhavumele iintshaba zakhe.
-
15
|Isaías 66:15|
Kuba, yabonani, uYehova uya kuza ngomlilo, zinjengesaqhwithi iinqwelo zakhe zokulwa, ukuze abuyekeze umsindo wakhe ngobushushu, nokukhalima kwakhe ngamalangatye omlilo.
-
16
|Isaías 66:16|
Kuba uYehova uya kuyigweba ngomlilo nangekrele lakhe inyama yonke, babe baninzi ababuleweyo nguYehova.
-
17
|Isaías 66:17|
Abo bazingcwalisayo, bazihlambululele imiyezo, bexelisa omnye ongaphakathi, badle inyama yehagu, nento enezothe, nempuku, baya kuphela kunye; utsho uYehova.
-
18
|Isaías 66:18|
Mna ke, ndiyazazi izenzo zabo neengcinga zabo. Kobakho ixesha lokuba zihlanganisane zonke iintlanga neelwimi, zize zibubone ubuqaqawuli bam;
-
19
|Isaías 66:19|
ndomisa umqondiso phakathi kwazo, ndithume abasindileyo kuzo, baye ezintlangeni ezingooTarshishe, noPuli, noLudi, abatyedi besaphetha; ezingooTubhali noYavan, eziqithini ezikude ezingazivanga iindaba zam, ezingabubonanga ubuqaqawuli bam, babuxele ubuqaqawuli bam ezintlangeni.
-
20
|Isaías 66:20|
Baya kubazisa bonke abazalwana benu, bevela nabo ezintlangeni zonke, bengumnikelo kuYehova, bekhwele emahasheni, nasezinqwelweni, nasemathaleni, nakoondlebende, nakwiinkamelakazi, benyuke entabeni yam engcwele eYerusalem, utsho uYehova; kwanjengokuba oonyana bakaSirayeli bewuzisa umnikelo wokudla ngesitya esihlambulukileyo endlwini kaYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Reyes 4-5