-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
19
|Isaías 49:19|
Ngokuba amanxuwa akho la, neendawo zakho ezigungxuliweyo, nelizwe lakho elichithakeleyo-inene, ngoku uya kuxinana ngabemi kulo, babe kude abaginyi bakho.
-
20
|Isaías 49:20|
Basaya kuthi ezindlebeni zakho oonyana bakho obubahluthiwe, Indawo ixinene kum, ndikhwelele, ndihlale;
-
21
|Isaías 49:21|
uya kuthi entliziyweni yakho, Ngubani na lo undizalele aba? Mna bendihluthiwe abantwana nje, ndaba ludlolo, ndafuduswa, ndagxothwa; ke aba bakhuliswe ngubani na? Uyabona, mna bendisele ndedwa; aba babephi na?
-
22
|Isaías 49:22|
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, ndisiphakamisela ezintlangeni isandla sam, ndiyinyusele ezizweni ibhanile yam, zibazise ke oonyana bakho, zibawole ngeengalo, neentombi zakho zithwalwe ngamagxa,
-
23
|Isaías 49:23|
Ookumkani baya kuba ngabondli bakho, namakhosikazi abo abe ngabanyisi bakho. Baya kuqubuda kuwe, bese ubuso emhlabeni, bakhothe uthuli lweenyawo zakho; wazi ke ukuba ndinguYehova, obathembi bakhe bangayi kudana.
-
24
|Isaías 49:24|
Anokuthatyathwa na amaxhoba kwigorha, basinde na abathinjiweyo bengamulungisa?
-
25
|Isaías 49:25|
Inene, utsho uYehova ukuthi, Nabathinjwe ligorha baya kuthatyathwa, namaxhoba omngcangcazelisi aya kusinda; ke obambana nawe, mna ndiya kubambana naye, ndibasindise mna oonyana bakho.
-
26
|Isaías 49:26|
Abakuxinzelela phantsi ndobadlisa eyabo inyama, banxiliswe lelabo igazi ngathi kungewayini entsha; yazi inyama yonke, ukuba mna, Yehova, ndinguMsindisi wakho, ukuba uMkhululi wakho ngOnamandla kaYakobi.
-
1
|Isaías 50:1|
Utsho uYehova ukuthi, Iphi na incwadi yokwaliwa kukanyoko, endamgxotha ngayo? Khona kwabandibolekayo, uphi na lowo ndathengisa ngani kuye? Yabonani, kwathengiswa ngani ngenxa yobugwenxa benu; wagxothwa unyoko ngenxa yezikreqo zenu.
-
2
|Isaías 50:2|
Yini na ukuba ndifike, kungekho mntu? ndibize, kungabikho usabelayo? Sifutshane kakhulu na isandla sam ukuba singakhululi? Akakho na kum amandla okuhlangula? Yabonani, ngokukhalima kwam ndomisa ulwandle, imilambo ndiyenze intlango; ziyabola iintlanzi zayo, ngokuba kungekho manzi, ziyafa kukunxanwa;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19