-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Isaías 1:11|
Yeyani na kum le mibingelelo yenu mininzi kangaka? utsho uYehova. Ndidikiwe ngamadini anyukayo eenkunzi zeegusha, namanqatha amathole atyetyisiweyo; negazi leenkunzi ezintsha, neleemvana, neleebhokhwe, andilinanzile.
-
12
|Isaías 1:12|
Xa niza kubonakala ebusweni bam, ngubani na okufunileyo oko esandleni senu, ukugqusha iintendelezo zam?
-
13
|Isaías 1:13|
Nize ningaphindi nizise mnikelo wakudla ukhohlakeleyo; isiqhumiso silisikizi kum; ukuthwasa kwenyanga, nesabatha, nokumema intlanganiso, ubutshinga kunye nengqungquthela, andinakubuthwala.
-
14
|Isaías 1:14|
Ukuthwasa kweenyanga zenu, namaxesha enu amisiweyo, umphefumlo wam uwathiyile; asuka aba bubunzima kum; ndidiniwe kukuwathwala.
-
15
|Isaías 1:15|
Ekoluleni kwenu izandla zenu, ndiya kuwafihla amehlo am kuni; nokuba nandise ukuthandaza, andiyi kuva; izandla zenu zizele ngamagazi.
-
16
|Isaías 1:16|
Zihlambeni, ziqaqambiseni; susani ububi beentlondi zenu phambi kwamehlo am;
-
17
|Isaías 1:17|
yekani ukwenza ububi; fundani ukwenza okulungileyo; khathalelani ukugweba; lulekani isibhovubhovu; gwebani ityala lenkedama; lithetheni ityala lomhlolokazi.
-
18
|Isaías 1:18|
Khanize sibonisane, utsho uYehova; nokuba izono zenu zide zavela zanjengengubo ebomvu, zoba mhlophe njengekhephu; nokuba zide zayingqombela njengebala elibomvu, zovela zinjengoboya begusha.
-
19
|Isaías 1:19|
Ukuba nithe navuma naphulaphula, nodla izinto ezilungileyo zelizwe;
-
20
|Isaías 1:20|
ukuba nithe anavuma, naba neenkani, nodliwa likrele; kuba umlomo kaYehova uthethile.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7