-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
18
|Isaías 3:18|
Ngaloo mini iNkosi yozisusa izihombo zemixokelelwane, nesangqawe, nentsimbi yomqala,
-
19
|Isaías 3:19|
namajikazi, neewatsha, nezigqubuthelo,
-
20
|Isaías 3:20|
neembasa, neenxaxhazo, neenqwemesha, namahlala okujoja, namakhubalo,
-
21
|Isaías 3:21|
nemisesane, namakhonkco empumlo,
-
22
|Isaías 3:22|
nezambatho ezinqabileyo, neengubo zokwaleka ezingaphezulu, neetyali, neengxowa zemali,
-
23
|Isaías 3:23|
nezipili, neeqhiya zelinen entle, neenkontsho, neengubo zokwaleka ezikrelekrele.
-
24
|Isaías 3:24|
Kothi esikhundleni sobulawu ibe kukuvunda, esikhundleni sombhinqo ibe yintambo; esikhundleni seempothe ibe yimpempethe, esikhundleni sengubo engwabungwabu ibe sisikhaka esirhwexayo; ibe ngumtshiso esikhundleni sobunzwakazi.
-
25
|Isaías 3:25|
Amadoda akho aya kuwa likrele, namagorha akho yimfazwe;
-
26
|Isaías 3:26|
ancwine enze isijwili amasango ayo, ithi yona ikhutshululwe, ihlale phantsi emhlabeni.
-
1
|Isaías 4:1|
Abafazi abasixhenxe bobambelela ndodeni-nye ngaloo mini, besithi, Sodla esethu isonka, sambathe ezethu iingubo; kodwa masibizwe ngegama lakho, ukususe ukungcikiveka kwethu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7