-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
20
|Isaías 2:20|
Ngaloo mini umntu uya kuziphosa ezintukwini nasemalulwaneni izithixo zakhe ezingeni zesilivere, nezithixo zakhe ezingeni zegolide, abamenzelayo ukuze aqubude kuzo;
-
21
|Isaías 2:21|
ukuze angene ezimfanteni zamawa nasemiqhokrweni yeengxondorha, ngenxa yokoyika uYehova, nangenxa yozuko lobungangamsha bakhe, ekuphakameni kwakhe ukuba angcangcazelise ilizwe.
-
22
|Isaías 2:22|
Khanimyeke umntu omphefumlo usemathatheni akhe; ngokuba kuthiwa, Uyintoni na?
-
1
|Isaías 3:1|
Ngokuba uyabona, iNkosi, uYehova wemikhosi, isusa eYerusalem nakwaYuda isixhaso nenkxaso, sonke isixhaso sesonka kwanesixhaso samanzi:
-
2
|Isaías 3:2|
igorha nendoda yokulwa, umgwebi nomprofeti, umvumisi nendoda enkulu,
-
3
|Isaías 3:3|
umthetheli wamashumi amahlanu, nobekekileyo, nomphakathi, nesilumko esinobungcibi, nengqondi yokukhwitsa.
-
4
|Isaías 3:4|
Ndobanika abathetheli abangabantwana, nabafekethi babalawule;
-
5
|Isaías 3:5|
bakhandanisane abantu ulowo nalowo, ulowo nalowa. Baya kusunduzana umntwana nendoda enkulu, ubuvuvu nabazukileyo.
-
6
|Isaías 3:6|
Xa umntu aya kuthi abambelele kumzalwana wakhe endlwini kayise, athi, Unengubo wena, masiphathwe nguwe, oku kukhahleleka kube sesandleni sakho:
-
7
|Isaías 3:7|
wophimisela ngaloo mini athi, Andingebi mphilisi, endlwini yam kungekho sonka, kungekho ngubo; aninakundenza umphathi wabantu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7