-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
10
|Isaías 2:10|
Ngena eweni, uziselele eluthulini, ngenxa yokoyika uYehova, nangenxa yozuko lobungangamsha bakhe.
-
11
|Isaías 2:11|
Amehlo aqwayingileyo esintu othotywa, noqhankqalazo lwamadoda lusibekeke; nguYehova yedwa owoba yingxonde ngaloo mini.
-
12
|Isaías 2:12|
Kuba uYehova wemikhosi unemini eyozongamela izinto zonke ezinekratshi, ezinoqhankqalazo; nezinto zonke ezizinyusileyo zithotywe nezinto zonke ezisinyusileyo zithotywe ke.
-
13
|Isaías 2:13|
Woyongamela imisedare yonke yaseLebhanon, emide, ezinyusileyo,
-
14
|Isaías 2:14|
nezonke ezinde, neenduli zonke ezizinyusileyo;
-
15
|Isaías 2:15|
neenqaba zonke eziphakamileyo, neendonga zonke ezinqatyisiweyo;
-
16
|Isaías 2:16|
neenqanawa zonke zaseTarshishe, nezinto zonke ezibonakala zinqweneleka.
-
17
|Isaías 2:17|
Kosibekeka ukuzidla kwaba baphantsi, kuthotywe ukuqhankqalaza kwamadoda aphakamileyo. NguYehova yedwa owoba yingxonde ngaloo mini;
-
18
|Isaías 2:18|
izithixo ezingeni zothi shwaka zonke ziphela.
-
19
|Isaías 2:19|
Bongena emiqolombeni yamawa nasemingxunyeni yomhlaba ngenxa yokoyika uYehova, nangenxa yozuko lobungangamsha bakhe, ekuphakameni kwakhe ukuba angcangcazelise ilizwe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7