-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Isaías 1:21|
Yoo! Utheni na ukuba lihenyukazi umzi lo, ubunyanisile; ubuzele kokusesikweni; ubulungisa bebulala kuwo; ke ngoku ngabancinithi!
-
22
|Isaías 1:22|
Isilivere yakho isuke yaba ligwebu; iwayini yakho entle ingxengelelwe ngamanzi.
-
23
|Isaías 1:23|
Abathetheli bakho baziinjubaqa, ngamadlelana namasela; bathanda izicengo bonke bephela, basukela imivuzo; ityala lenkedama abaligwebi, netyala lomhlolokazi alinakufika kubo.
-
24
|Isaías 1:24|
Ngako oko itsho iNkosi, uYehova wemikhosi, imbalasane yakwaSirayeli, ukuthi, Yeha! Ndiya kuzithuthuzela kubabandezeli bam, ndiziphindezelele ezintshabeni zam.
-
25
|Isaías 1:25|
Ndosibuyisela phezu kwakho isandla sam, ndikunyibilikise ngokufezekileyo njengegolide, likhutshwe igwebu lakho, ndisuse yonke intsila yakho.
-
26
|Isaías 1:26|
Ndobabuyisa abagwebi bakho njengokwasekuqaleni, namaphakathi akho njengokwamatanci. Emveni koko kuya kuthiwa, Wena ungumzi wobulungisa, uyinqaba enyanisileyo.
-
27
|Isaías 1:27|
IZiyon iya kukhululwa ngokusesikweni, nabaguquki bayo ngobulungisa;
-
28
|Isaías 1:28|
ukwaphulwa kwabakreqi naboni kube kunye, bapheliswe abamshiyayo uYehova.
-
29
|Isaías 1:29|
Ngokuba baya kudana yimiterebhinti ebeniyinqwenela, nibe neentloni yimiyezo ebeniyinyula;
-
30
|Isaías 1:30|
kuba niya kuba njengomterebhinti omagqabi omayo, nanjengomyezo ongenamanzi;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7