-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
16
|Isaías 5:16|
ke yena uYehova wemikhosi uyaziphakamisa ngogwebo, azingcwalise uThixo oyiNgcwele ngobulungisa.
-
17
|Isaías 5:17|
Kodla iimvana apho, kunge kusedlelweni lazo; abasemathanga badlise emanxuweni ezityebi.
-
18
|Isaías 5:18|
Yeha, abatsala ubugwenxa ngeentambo zenkohlakalo, nesono bange basitsala ngomqokozo wenqwelo;
-
19
|Isaías 5:19|
abathi, Makasingxamise asikhawulezise isenzo sakhe, ukuze sibone; malisondele lize icebo loyiNgcwele kaSirayeli, ukuze sazi!
-
20
|Isaías 5:20|
Yeha, abathi okubi kulungile, okulungileyo kubi; abamisa ubumnyama endaweni yokukhanya, ukukhanya endaweni yobumnyama; abamisa ubukrakra endaweni yobumnandi, ubumnandi endaweni yobukrakra!
-
21
|Isaías 5:21|
Yeha, abalumkileyo kwawabo amehlo, abanengqondo kokwabo ukubona!
-
22
|Isaías 5:22|
Yeha, abangamagorha okusela iwayini; abangamadoda akrotele ukuphithikeza isiselo esinxilisayo; abagwebela abangendawo, besekeleze isicengo;
-
23
|Isaías 5:23|
ubulungisa bamalungisa babususe kuwo!
-
24
|Isaías 5:24|
Ngako oko, njengokuba ulwimi lomlilo luzidla iindiza, nesikhotha esomileyo sibohla edangatyeni: kwangokunjalo ingcambu yabo iya kuba njengento evundileyo, nentyantyambo yabo inyuke njengothuli; kuba besilahlile isiyalo sikaYehova wemikhosi, bayigiba intetho yoyiNgcwele kaSirayeli.
-
25
|Isaías 5:25|
Ngenxa yoko uyavutha umsindo kaYehova kubantu bakhe; usolule phezu kwabo isandla sakhe, uyababetha; zagungqa iintaba, izidumbu zabo zanjengenkunkuma phakathi kwezitrato. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe, isandla sakhe sisolukile.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21