-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Isaías 6:6|
Yaphaphazela yeza kum enye yeeserafi, iphethe ilahle elivuthayo, elithabathe ngesithabatho esibingelelweni;
-
7
|Isaías 6:7|
yalifikisa emlonyeni wam, yathi, Yabona, eli lahle lifikile nje emlonyeni wakho, bususiwe ubugwenxa bakho, nesono sakho sicanyagushelwe.
-
8
|Isaías 6:8|
Ndeva izwi leNkosi, lisithi, Ndothuma bani na? Ngubani na owosiyela?
-
9
|Isaías 6:9|
Ndathi, Ndikho, thuma mna. Yathi, Yiya, uthi kubo aba bantu, Yivani, ukuva oku niya kuva, ningaqondi; qiqani, ukubona oku niya kubona, ningaqiqi.
-
10
|Isaías 6:10|
Yityebise intliziyo yaba bantu, neendlebe zabo zenze zithi nkqi, namehlo abo uwavingce; hleze babone ngamehlo abo, beve ngeendlebe zabo, baqonde ngentliziyo yabo, babuye, baze baphiliswe.
-
11
|Isaías 6:11|
Ndathi, Kube mzuzu ungakanani na, Nkosi? Yathi, Kude kuye kuchithwa imizi, ingabi nabemi, nezindlu zingabi namntu, utshabalale umhlaba kube senkangala;
-
12
|Isaías 6:12|
uYehova amse kude umntu, abe maninzi amanxuwa phakathi kwelizwe.
-
13
|Isaías 6:13|
Kuya kuthi, ukuba kusekho isahlulo seshumi khona, sibuye naso sibe yinto yokutshayelwa; njengomterebhinti nanjengomoki, othi ekuwisweni kwawo kushiyeke isiphunzi; yimbewu engcwele ke isiphunzi eso.
-
1
|Isaías 7:1|
Ke kaloku kwathi, ngemihla ka-Ahazi unyana kaYotam, unyana kaUziya, ukumkani wakwaYuda, wenyuka uRetsin ukumkani wama-Aram, enoPeka unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli, weza eYerusalem, ukuba alwe nayo; akaba nako ke ukulwa nayo.
-
2
|Isaías 7:2|
Kwaxelwa kwindlu kaDavide, kwathiwa, Ama-Aram athelele kwabelakwaEfrayim. Yadidizela intliziyo yakhe nentliziyo yabantu bakhe, njengokudidizela kwemithi yehlathi phambi komoya.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7