-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Isaías 5:6|
Asiyi kuthenwa, asiyi kuhlakulwa; siya kumila ubobo namakhakakhaka; ndiwawisele umthetho amafu, ukuba angani mvula phezu kwaso.
-
7
|Isaías 5:7|
Kuba isidiliya sikaYehova wemikhosi yindlu kaSirayeli; namadoda akwaYuda sisityalo sokumyolisa. Walinda ukuba kubekho okusesikweni, nanku ikukudywida; walinda ukuba kubekho ubulungisa, nanko ikukukhalisa.
-
8
|Isaías 5:8|
Yeha, abahlomela indlu kwindlu, abasondeza intsimi kwintsimi, kude kungabikho ndawo, nihlale nedwa phakathi kwelizwe!
-
9
|Isaías 5:9|
Ezindlebeni zam uthi uYehova wemikhosi, Inyaniso, izindlu ezininzi ziya kuba ngamanxuwa, ezinkulu, ezintle zingabi namhlali.
-
10
|Isaías 5:10|
Kuba ishumi leendima zesidiliya liya kwenza ibhate ibe nye, nehomere yembewu yenze iefa yodwa.
-
11
|Isaías 5:11|
Yeha, abavuka kusasa, besukela isiselo esinxilisayo; balibale kude kube lungcwalazi, ide ibatshise iwayini!
-
12
|Isaías 5:12|
Ibe luhadi nomrhubhe, ingqongqo nogwali, newayini, emgidini wabo; ke wona umsebenzi kaYehova abawubeki, nezenzo zezandla zakhe abaziboni.
-
13
|Isaías 5:13|
Ngako oko abantu bam bayafuduswa bengazi, nabazukileyo kubo baba ngabafo bendlala, ingxokolo yabo itshiswa linxano.
-
14
|Isaías 5:14|
Ngako oko elabafileyo lizandisile, lakhame ngokungenamlinganiso; buhlile ubungangamela babo, nengxokozelo yabo, nengxolo yabo, nabadlamkileyo kubo.
-
15
|Isaías 5:15|
Bayasibekeka abantu abaphantsi, athotywe amadoda aphakamileyo, athotywe amehlo abazidlayo;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7