-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
2
|Isaías 4:2|
Ngaloo mini isithole sikaYehova siya kuba yinto enobukhazikhazi enobuqaqawuli, isiqhamo selizwe sibe yingangamsha nesihombo kwabasindileyo bakwaSirayeli.
-
3
|Isaías 4:3|
Wothi oshiyekileyo eZiyon, noseleyo eYerusalem, kuthiwe ungcwele, bonke ababhalelwe ebomini eYerusalem;
-
4
|Isaías 4:4|
yakuba ithe iNkosi yakuhlamba ukungcola kweentombi zaseZiyon, yawahlanza amagazi aseYerusalem phakathi kwayo ngomoya ogwebayo, nangomoya olulophu.
-
5
|Isaías 4:5|
Wodala ke uYehova phezu kweendawo zonke zeentaba zeZiyon, naphezu kweentlanganiso zayo, ilifu elingumsi emini, nokudangazela komlilo ebusuku. Kuba phezu kobuqaqawuli obo bonke, kuya kubakho isigubungelo;
-
6
|Isaías 4:6|
sibe ngumnquba ongumthunzi emini, ekubaleleni, sibe yindawo yokuzimela nokusithela esiphangweni nasemvuleni.
-
1
|Isaías 5:1|
Intanda yam makhe ndiyivumele ingoma yentanda yam, ngesidiliya sayo. Intanda yam ibe inesidiliya endulini echumayo;
-
2
|Isaías 5:2|
yasigaba, yawemba amatye, yasityala imidiliya yohlobo, yakha inyango phakathi kwaso, yaxhola kuso umkhombe wokukhongozela iwayini. Yalinda ukuba sivelise iidiliya ezizizo; ke sona savelisa iidiliya ezingezizo.
-
3
|Isaías 5:3|
Kaloku ke, bemi baseYerusalem, nani madoda akwaYuda, khanahlule phakathi kwam nesidiliya sam.
-
4
|Isaías 5:4|
Kube kusekho ntoni na eyenziwayo esidiliyeni sam, endingayenzanga ke kuso? Kube kungani na ukuba ndikulinde ukuba sivelise iidiliya ezizizo, sisuke sivelise ezingezizo?
-
5
|Isaías 5:5|
Kaloku ke makhe ndinazise into endiya kusenza yona isidiliya sam. Ndiza kususa uthango lwaso, sibe lidlelo; ndiya kuluchitha udonga lwaso, sibe yingqushu; ndisijece kuphele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7