-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
23
|Isaías 7:23|
Kothi ngaloo mini zonke iindawo ezazinewaka lemidiliya elimelwe liwaka leesilivere, zibe zezobobo namakhakakhaka.
-
24
|Isaías 7:24|
Kuya kuyiwa khona neentolo nezaphetha; ngokuba lonke ilizwe liya kuba lubobo namakhakakhaka.
-
25
|Isaías 7:25|
Zonke iintaba ebezigatywa ngamagaba, akuyi kuya kuzo, ngokoyika ubobo namakhakakhaka; loba lelokugxothela iinkomo, nokunyashwa ziigusha.
-
1
|Isaías 8:1|
Wathi uYehova kum, Thabatha icwecwe elikhulu, ubhale kulo ngenkxola yabantu, uthi, NgoMaxhoba ayakhawuleza iinto eziphangiweyo zingxamile,
-
2
|Isaías 8:2|
Ndathabathela amangqina anyanisileyo, ooUriya umbingeleli, noZekariya unyana kaYebherekiya.
-
3
|Isaías 8:3|
Ndasondela kumprofetikazi, wamitha, wazala unyana. Wathi uYehova kum, Yithi igama lakhe nguMaxhoba ayakhawuleza iinto eziphangiweyo zingxamile.
-
4
|Isaías 8:4|
Ngokuba, engekakwazi umntwana lo ukuthi, Bawo, nokuthi, Ma, ubutyebi baseDamasko namaxhoba akwaSamari aya kuthwalelwa phambi kokumkani waseAsiriya.
-
5
|Isaías 8:5|
Waqokela uYehova, wabuya wathetha kum, esithi,
-
6
|Isaías 8:6|
Ngenxa enokuba abo bantu bewacekisa amanzi aseShilowa, la ahamba kuhle, benze imihlali noRetsin nonyana kaRemaliya:
-
7
|Isaías 8:7|
ngako oko, yabona, iNkosi inyusela phezu kwakho amanzi oMlambo, lawo anamandla amakhulu, kwaukumkani waseAsiriya nobunzima bakhe bonke. Wonyuka wona ube ngaphezu kwemisele yawo yonke, uhambe ngaphandle kweendonga zawo zonke,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7