-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
18
|Isaías 8:18|
Yabona, mna nabantwana andinikileyo uYehova, singabemiqondiso nezimanga kwaSirayeli, ezivela kuYehova wemikhosi, ulohlala entabeni yaseZiyon.
-
19
|Isaías 8:19|
Xa bathe kuni, Quqelani kwabaneshologu nakoosiyazi, abalozayo, abadumzelayo, yithini, Abantu mabangaquqeli kuThixo wabo, yini na? Ngenxa yabaphilileyo mabaquqele kwabafileyo na?
-
20
|Isaías 8:20|
Bhekani esiyalweni, esingqinweni! Ukuba bathe abathetha ngokwelo lizwi, boba abanasifingo.
-
21
|Isaías 8:21|
Baya kucanda kulo ilizwe begogotyelwe, belambile; kuthi ke, xa bathe balamba, babe noburhalarhume, batshabhise ukumkani wabo noThixo wabo, babheke phezulu;
-
22
|Isaías 8:22|
babheke emhlabeni, nanko kuyimbandezelo nobumnyama, bethiwe ncithi yingcutheko, begxothelwe esithokothokweni.
-
1
|Isaías 9:1|
Ngokuba akuyi kuhlala kuthe ncithi kwelinengcutheko. Ngexesha lokuqala walicukuceza ilizwe lakwaZebhulon nelizwe lakwaNafetali; ngelakamva uya kuyizukisa indlela yaselwandle, phesheya kweYordan, ummandla weentlanga.
-
2
|Isaías 9:2|
Abantu abo babamba emnyameni babone ukukhanya okukhulu; abemi basezweni lethunzi lokufa, ukukhanya kubengezele phezu kwabo.
-
3
|Isaías 9:3|
Uyalwandisa uhlanga, ulukhulisela uvuyo; bayavuya phambi kwakho, njengokuvuya kwexa lokuvuna, njengokuvuyelela kwabo ekwabeni kwabo amaxhoba.
-
4
|Isaías 9:4|
Kuba idyokhwe yomthwalo wabo noswazi lwamagxa abo, intonga yomqhubi wabo, uyaphule njengemini yakwaMidiyan.
-
5
|Isaías 9:5|
Ngokuba zonke izihlangu zabanyathela ngezihlangu ekungxoleni kokulwa, neengubo ezityikitywe emagazini, ezo ziya kutshiswa, zibe kukudla komlilo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7